Yiya kwinkcazelo

DISEMBA 13, 2017
EMERIKA

Awade Acime Amahlathi Atshayo ESouthern California

Awade Acime Amahlathi Atshayo ESouthern California

Abacimi bomlilo basaqhubeka bezama ukucima umlilo otshisa eSouthern California, osele utshise iihektare ezininzi kakhulu kumazwe aseLos Angeles, eRiverside, eSan Diego, eSanta Barbara naseVentura.

Iingxelo zokuqala zibonisa ukuba abavakalisi abayi-484 bafudukele kubazalwana abahlala kufutshane okanye kwizalamane ezihlala kwiindawo ezingakhange zitshe. Ukongezelela koko, kutshe izindlu zabazalwana ezintandathu ibe ezintathu zonakele. Abadala basekuhlaleni nabaveleli beziphaluka bakhuthaza abazalwana noodade abehlelwe yile nto ngeZibhalo ibe babanceda nangezinye izinto.

Asiyeki ukubathandazela abazalwana noodade wethu ibe sikhangele phambili kwixesha aza kuzaliseka ngalo amazwi akwiMizekeliso 1:33 athi: “Yena ke ondiphulaphulayo, uya kuhlala ngonqabiseko aze angaphazamiseki ekunkwantyiseni kwentlekele.”

Onokuqhagamshelana Naye:

UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000