MEYI 6, 2016
EMERIKA
AmaNgqina KaYehova Athengisa Umzi Wawo OseBrooklyn Heights Esekukudala Ukho
ENEW YORK—NgoApril 26, 2016 ngoLwesibini, amaNgqina kaYehova avala umzi wawo ose-124 Columbia Heights eBrooklyn, eNew York ngenjongo yokuwuthengisa. Le ndawo yokuhlala iziimitha ezingama-14,121 xa ziphindaphindene, ibe inophahla olubhalwe watchtower. Yindawo esekuqaleni kumantla eBrooklyn Heights. Le ndawo yayibekwe kuluhlu lwezithengiswayo ngoDisemba 2015, ibe emva kokubakho kokhuphiswano lokufumana le ndawo, kwakhethwa oyena wayeza kuyithenga le ndawo ekugqibeleni.
Isakhiwo samaNgqina esise-124 Columbia Heights sasilikhaya likaHenry Ward Beecher, owayengubufuni tu ubukhoboka nowayengumfundisi kwiPlymouth Church, ukususela ngo-1856 ukuya ku-1881. IThe New York Times yachaza indlela esasibaluleke ngayo esi sakhiwo isithi, “uMongameli uLincoln watyelela uMnu. uBeecher ngaphambi kokuba atyobele Isivumelwano Senkululeko.” NgoMeyi ka-1909, amaNgqina athenga esi sakhiwo ibe emva koko asongeza ukuze singabi yimigangatho emine kodwa sibe yimigangatho elishumi eyila isakhiwo sanamhlanje.
URichard Devine othethela amaNgqina kaYehova uthi: “I-124 Columbia Heights siyijonga njengesinye sezakhiwo ezililifa lentlangano yethu. Ukususela pha koo-1909, iye yalikhaya labasebenzi bethu abasuka ehlabathini lonke. Ukususela ngo-1929 ukuya ku-1957, kangangeminyaka emine, i-124 Columbia Heights yaba neziko likanomathotholo iWBBR, eyayisiba neemfundiso zeBhayibhile kunye nezinye iinkqubo.”
Nangona amaNgqina eye ayinxalenye yabahlali baseBrooklyn Heights ngaphezu kweminyaka eli-100, eyona ndawo babehlala kuyo ngaphambili iWatch Tower Bible and Tract Society yaqala ukubakho kwiminyaka yoo-1880 eAllegheny (ngoku ebizwa ngokuba yiPittsburgh), ePennsylvania. UDavid A. Semonian, osisithethi sekomkhulu lamaNgqina, uthi: “Ukufudukela kwisixeko esineziko leenqanawa ngo-1909 iBrooklyn kwakubalulekile ngela xesha ukuze umsebenzi wokufundisa iBhayibhile ehlabathini uhambele phambili.”
Ukuthengiswa kwe-124 Columbia Heights linyathelo lokugqibela lokufuduka kwamaNgqina ukuya kwisakhiwo esitsha esele siza kugqitywa eWarwick, eNew York. UMnu. uSemonian wongeza ngelithi: “Ukufudukela kwesi sakhiwo senziwe ngale ndlela sifuna ngayo yeyona nto siyifunayo ngoku. IBrooklyn ibilikhaya lethu iminyaka engaphezu kwelikhulu, ibe iWarwick iza kuba likhaya lethu kangangexesha elithile embalini.”
Onokuqhagamshelana Naye:
UDavid A. Semonian, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000