JANUWARI 1, 2013
EMERIKA
AmaNgqina KaYehova Athengisa Indawo EyayiyiHotele IBossert
EBROOKLYN, eNew York—AmaNgqina kaYehova athengisele uDavid Bistricer wakwaClipper Equity and the Chetrit Group indawo eyayiyiHotele iBossert ese-98 Montague Street, ekwiBrooklyn Heights enembali. IBossert yakhiwa ngo-1909, nyaka lowo amaNgqina kaYehova afudusela ikomkhulu lawo lehlabathi eBrooklyn Heights.
AmaNgqina aqalisa ukuyirenta le ndawo ngo-1983 aza ayithenga ngo-1988. Ngokukhawuleza emva koko, asiphucula esi sakhiwo saba kumgangatho ofunwa yiLandmarks Preservation Commission, ngenxa yobo buhle baso satsho safumana iimbasa.
Kutshanje, amaNgqina kaYehova aye adibanisa imisebenzi ayenza eBrooklyn yaba kwicandelo elinye. Ngenxa yoko, liye laphunguka inani labantu abenza le misebenzi, nto leyo ebangele ukuba iindawo zokuhlala ezininzi zingabi nabantu. Ngoko esi sakhiwo sithetha ngaso kuye kwafuneka sithengiswe.
UDavid Semonian osisithethi samaNgqina uthi: “Kule minyaka iyi-25 idluleyo besikuvuyela ukunyamekela iBossert. Sisakhiwo esihle yaye siyayixabisa indima esiyidlalileyo kwimbali yethu.”
Ungafowunela:
UDavid Semonian okwiOfisi Yenkcazelo, kule nombolo +1 718 560 5000