Yiya kwinkcazelo

JULAYI 10, 2013
EMERIKA

AmaNgqina KaYehova Athengisa Izakhiwo Zawo EziseBrooklyn

AmaNgqina KaYehova Athengisa Izakhiwo Zawo EziseBrooklyn

ENEW YORK—NgoJulayi 5, 2013, amaNgqina kaYehova asayina isivumelwano sokuthengisa izakhiwo ezihlanu ebekuprintwa kuzo eBrooklyn, eNew York, kuquka nendawo yokuhlala enemigangatho eyi-30 kwiRFR and Kushner Companies. AmaNgqina aza kuqalisa ukufuduka kwesi sakhiwo ngoAgasti kulo nyaka. Kwindawo yokuhlala kuza kufudukwa ngo-2017.

UDavid Semonian osisithethi samaNgqina kaYehova uthi: “Njengoko benqumla kwiBhulorho yaseBrooklyn, abantu abaninzi abagqithayo neendwendwe babona uphawu olukwezi zakhiwo oluthi, ‘Funda ILizwi LikaThixo IBhayibhile Engcwele Yonke Imihla’ noluthi ‘Funda iMboniselo noVukani!’ Kangangeminyaka emininzi, umsebenzi owenziwa kwezi zakhiwo uyinxalenye enkulu yembali nobukho bethu eBrooklyn.” Kangangeminyaka eyi-77 amaNgqina ebesebenzisa ezi zakhiwo zihlanu ukuze apapashe iiBhayibhile noncwadi olusekelwe eBhayibhileni ngeelwimi ezininzi. Esinye isakhiwo saqala ukusetyenziswa ngo-1927, ibe ekuqaleni ko-1937 kongezelelwa ezinye. Indawo yokuhlala enemigangatho eyi-30 yayihlala abasebénzi abaliwaka ababesiya emsebenzini bengakhange baphumele ngaphandle.

AmaNgqina athengisa izakhiwo zawo kuba eza kufudukela kuMntla Merika. Ngo-2004, kwaqala kwafuduswa isebe lokuprinta, elokudibanisa iincwadi nelokuzithumela elaliseUnited States lasiwa eWallkill, eNew York. Sithethanje, amaNgqina aceba ukufudusa ikomkhulu lawo alise eWarwick, eNew York, ibe ulwakhiwo luza kuqalisa ngasekupheleni kwalo nyaka.

UMnu. Semonian waleka ngelithi: “Siyayixabisa imbali yethu siseBrooklyn. Siye sasebenzisa ezi zakhiwo ukuze sivelise uncwadi olusekelwe eBhayibhileni olunceda abantu abasehlabathini lonke. Ngoku sijonge phambili ekusebenziseni isakhiwo sethu esitsha esiseWarwick ukuze sihambisele phambili umsebenzi owenziwa ehlabathini lonke wokufundisa abantu iBhayibhile.”

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000