Yiya kwinkcazelo

AGASTI 5, 2013
EMERIKA

AmaNgqina Aqalisa Ukwakha Ikomkhulu Elitsha EWarwick, ENew York

AmaNgqina Aqalisa Ukwakha Ikomkhulu Elitsha EWarwick, ENew York

ENEW YORK—ngoMvulo ngoJulayi 29, 2013 amaNgqina kaYehova aqalise ukwakha ikomkhulu elitsha eWarwick, eNew York, emva kokuba efumene imvume kumagunya asekuhlaleni.

NgoLwesithathu, ngoJulayi 17, iTown of Warwick Planning Board iwanike imvume amaNgqina ukuba aqalise akwakha ikomkhulu lawo elitsha. Le mvume ayifumene emva kweminyaka emine efumene umhlaba eWarwick ngoJulayi 17, 2009. Emva kokuba efumene iphepha-mvume ngoLwesihlanu, ngoJulayi 26, amaNgqina aqalisa ukusebenza nokugrumba iziseko zesakhiwo ngoMvulo, ngoJulayi 29.

Eyona nto iwancedileyo amaNgqina ukuze afumane iimpepha-mvume zokwakha, kukuba ayekulungele ukusebenza ngezinto ezingayonakalisiyo indalo. Ngokomzekelo, ezinye zezi zinto ziquka udonga olubiyela ummandla wesi sakhiwo, oluza kunceda umhlaba ongaphakathi ungaphalaleli ngaphandle, nolude ngokwaneleyo ukuba izilwanyana neenyoka zingangeni, ngoko ziza kuhlala zikhuselekile.

URichard Devine, isithethi samaNgqina sithi: “Siyakuvuyela kakhulu ukusebenza nabasemagunyeni bedolophu yaseWarwick nokuqhubeka nalo msebenzi. Le mvume siyifumeneyo sisiqalo nje somsebenzi omkhulu esinawo wokufudusa ikomkhulu lethu eliseBrooklyn liye eWarwick.” UEnrique Ford, okwikomiti yokwakha yamaNgqina kunye noMnu. uDevine bathi: “Ukufumana iiplani zesi sakhiwo nemvume yokusakha kuye kwasinceda sakwazi ukuzibekela iminyaka emine ukuba sisigqibe.”

Lo mhlaba wawukade usetyenziselwa izinto ezahlukahlukeneyo yi-International Nickel Company ukususela ngo-1960 ukuya kutsho ngo-1987. Emva kokuba ungasetyenziswa kangangeminyaka emine wathengwa yiKing’s College ifuna ukwenza indawo yokuhlala yabantwana besikolo. Loo nto ayizange yenzeke, ibe kwadlula iminyaka engamashumi amabini singenamntu de amaNgqina awuthenga ngo-2009.

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000