Yiya kwinkcazelo

MEYI 20, 2015
EMERIKA

AmaNgqina KaYehova Aqalisa Iindibano Zengingqi Ezinomxholo Othi “Yiba NjengoYesu!” Kwizixeko Eziyi-11 EMerika

AmaNgqina KaYehova Aqalisa Iindibano Zengingqi Ezinomxholo Othi “Yiba NjengoYesu!” Kwizixeko Eziyi-11 EMerika

ENEW YORK—AmaNgqina KaYehova aza kuba neendibano zengingqi zokuqala ezinomxholo othi “Yiba NjengoYesu!” eMerika kusasa ngoLwesihlanu, ngoMeyi 22, 2015. Kuloo mpela-veki, ezi ndibano ziza kubanjelwa kwiindawo eziyi-11 kuquka nendawo eyaziwayo iStanley Theater eJersey City, eNew Jersey (esemfanekisweni). Xa zidityaniswa zoyi-11 ezi ndawo, suku ngalunye amaNgqina alindele ukuba kuze abantu abangaphezu kwabayi-41 000.

UJ. R. Brown, isithethi samaNgqina KaYehova esikwikomkhulu lawo eBrooklyn, eNew York, uthi: “Bonke abasamkeleyo isimemo baza baya kwindibano ekwingingqi abakuyo baza kwamkelwa ngobubele ibe abazi kuzisola ngokubakho. Kwiintsuku ezintathu zezi ndibano zinomxholo othi ‘Yiba NjengoYesu!’ kuza kubakho iintetho ezibangel’ umdla kakhulu eziza kuthetha ngeemfundiso ezinamandla zikaYesu, ezenzelwe ukunceda abantu abaneemeko ezingafaniyo nabangalinganiyo ngeminyaka.”

AmaNgqina KaYehova aza kuba neendibano ezimalunga neziyi-5 000 ezinomxholo othi “Yiba NjengoYesu!” kumazwe ayi-92 ibe ziza kuqhuba de ibe nguJanuwari 2016. Olu cwangciso, olulungiselelwe liQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova, (lonke okanye iintetho ezithile) luza kuqhutywa ngeelwimi eziyi-347 kuquka iintetho zezandla eziyi-55.

Media Contact(s):

International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000