Yiya kwinkcazelo

APRILI 22, 2013
EMERIKA

Iibhombu KwiMarathoni YaseBoston

Iibhombu KwiMarathoni YaseBoston

NgoAprili 15, 2013, kwaqhushumba iibhombu ezimbini kufutshane nalapho iphela khona iMarathoni yaseBoston, yabulala abantu abathathu yaza yangxwelerha abayi-176. Iingxelo zibonisa ukuba akukhange kubekho maNgqina kaYehova angxwelerhekileyo. Amanye amaNgqina asekuhlaleni afika kuqala kule ntlekele aza anceda. Isithethi samaNgqina uJ. R. Brown sathi: “Sihlala sicinga kwaye sibathandazela abo bonzakaliswe zezi bhombu kunye neentsapho zabo. Sifuna ukubathuthuzela ngeZibhalo bonke abo bangamaxhoba ale nkohlakalo.”

Ungafowunela:

Okwenzeka ehlabathini: UJ. R. Brown, okwiOfisi Yenkcazelo kule nombolo +1 718 560 5000