Yiya kwinkcazelo

NOVEMBA 1, 2017
EMERIKA

AmaNgqina KaYehova Asithengisile Isakhiwo Esaziwayo, ITowers

AmaNgqina KaYehova Asithengisile Isakhiwo Esaziwayo, ITowers

ENEW YORK—Ngo-Oktobha 31, amaNgqina KaYehova asithengisile isakhiwo ebehlala kuso esinemigangatho eyi-16 e-21 Clark Street kwisithili esaziwayo iBrooklyn Heights. Kangangeminyaka engaphezu kweyi-40, amaNgqina ebehlala ibe ebesiphethe kakuhle isakhiwo esasikade siyihotele esakhiwe ngendlela amaRoma akha ngayo.

Esi sakhiwo sasibizwa ngokuba yiLeverich Towers Hotel ibe saqala ngo-1928. Kamsinya nje emva koko, yabizwa ngokuba yiTowers Hotel, yabhengezwa “njengeAristocrat of Brooklyn Hotels,” ibe yayirentwa ngabantu abakumgangatho ophezulu. Sekunjalo, pha kwiminyaka yoo-1970 ibisele ikwimeko embi.

AmaNgqina asithenga esi sakhiwo ngo-1975, ngaphambili ayerenta kuso kuba intsapho yaseBheteli yayandile. Esi sakhiwo sahlaziywa kabini ngo-1978 nango-1998.

UDavid A. Semonian, isithethi samaNgqina KaYehova uthi: “Thina besihlala eBrooklyn Heights, siza kuzikhumbula iTowers kungekhona ngenxa yendawo ebezikuyo kodwa kuba bezilikhaya lethu elihle nesikuthandayo ukuhlala kulo. Ngenxa yotshintsho, siye safuduka eBrooklyn.”

Ngo-2016, ikomkhulu lehlabathi lamaNgqina KaYehova liye lafudukela eWarwick, eNew York.

Onokuqhagamshelana Naye:

UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000