Yiya kwinkcazelo

OKTOBHA 8, 2013
EMERIKA

Izantyalantyala Zemvula EColorado

Izantyalantyala Zemvula EColorado

Phakathi kuSeptemba, izantyalantyala zemvula ebeziseColorado, eMerika zivale iindlela, zonakalisa izindlu zaza zabulala abantu abasibhozo. Iingxelo zibonisa ukuba awekho amaNgqina kaYehova alo mmandla aswelekileyo okanye onzakeleyo.Noko ke, iintsapho zamaNgqina ezimalunga neziyi-70 ezikwimimandla eye yathwaxwa zezi mvula ziye zafuduselwa kwezinye iindawo. Abadala abangamaNgqina kuloo mimandla ichaphazelekileyo balungiselela izinto eziza kudingwa zezi ntsapho, bezinceda zifumane iindawo zokuhlala zokwexeshana.

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000