OKTOBHA 17, 2018
EMERIKA
Inkanyamba uMichael, enye yezona nkanyamba zinkulu eMerika, ibangela umonakalo omkhulu
Ngo-Oktobha 10, 2018, iNkanyamba ekuthiwa nguMichael yafika kunxweme lwaseFlorida yaza yonakalisa neendawo ezikumzantsi mpuma weMerika. Le yayiyenye yezona nkanyamba zinamandla ezakhe zafika eMerika ibe yonakalisa izakhiwo ezininzi. Le nkanyamba yabulala abantu abayi-18.
Le nkanyamba yonakalisa iindawo zabazalwana kumabandla ayi-94 nakwiiziphaluka eziyi-13. Akho nomnye umzalwana owaswelekayo kodwa abathathu benzakala. Yamosha amakhaya ayi-528 abazalwana bethu, iHolo zoBukumkani eziyi-34 ibe eziyi-39 zamkelwa ngumbane.
Iofisi yeSebe yaseMerika, incedisana neKomiti Yokunceda Xa Kwehle Intlekele nabaveleli beziphaluka abangaphezu kwe-40 ukuze kwenziwe lo msebenzi. Uquka ukunceda abazalwana ngokutya, ngezonyango, iindawo zokuhlala, amanzi nokulungisa izindlu ngokubeka iiseyile kuphahla nokuklina iindawo eziwelwe yimithi. Abadala baye batyelela abazalwana noodade ukuze babaqinise ukholo.
Nangona abazalwana bengenakukwazi ukuziphepha iingxaki zeli hlabathi, kuquka iintlekele zemvelo, baqhubeka bethembele kuThixo oza kusoloko ebaxhasa.—INdumiso 142:5