Yiya kwinkcazelo

SEPTEMBA 8, 2017
EMERIKA

Ingxelo Yokuqala NgeSitshingitshane UIrma

Ingxelo Yokuqala NgeSitshingitshane UIrma

NgoSeptemba 5, 2017, kuye kwakho isaqhwithi esikhulu kwezakha zakho kwiAtlantic. Sele sonakalise iziqithi ezininzi kwiCaribbean. Okwangoku akukabikho bazalwana noodade abonzakaliswe okanye ababulewe sesi saqhwithi. IHolo yoBukumkani eseLa Désirade, eGuadeloupe; eseSt. Barts; neHolo Yendibano eseSt. Martin zonakele.

Isiqithi saseBarbuda sesona sihlaselweyo sesi saqhwithi, ibe kuqikelelwa ukuba sisiqingatha kubantu abahlala kwesi siqithi abasele bengenazindlu. Abantu abahlala kwesi siqithi, kuquka abazalwana abayi-11 bayalelwe ukuba bafudukele eAntigua ngenxa yokuba kusenokubakho isitshingitshane uJosé, esinokuhlasela iCaribbean ngempelaveki.

Abazalwana baye balungiselela ukunceda njengoko esi sitshingitshane uIrma sityhutyha iBahamas, iCuba nomzantsi-mpuma weMerika. Oku kuquka ukuqaphela izindlu zabazalwana noodade eziye zonakaliswa sesi sitshingitshane.

Onokuqhagamshelana Naye:

UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000