Izinto Ezibalulekileyo Ezenzeke EMerika
NGOJUNI 17, 2002—INkundla Ephakamileyo yaseMerika iqinisekisa isigqibo esenziwa ngeminyaka yoo-1940 esasiwavumela amaNgqina kaYehova ukuba ashumayele ebantwini (Watchtower Bible and Tract Society of New York, Inc. v. Village of Stratton)
NGOAGASTI 1998—Inani lamaNgqina kaYehova lifikelela ngaphaya kwemiliyoni eMerika
NGOAPRILI 15, 1992—INkundla Ephakamileyo yase-Ohio yavumelana nezinye izigqibo ezazenziwe, zokuba inkundla engaphantsi ayikwazi ukohlutha ilungelo lomntwana ngenxa yonqulo lomzali
NGO-OKTOBHA 30, 1985—INkundla Ephakamileyo yaseMississippi yagweba ngokuba mntu ngamnye unelungelo lokuba anganyangwa ngaphandle kwegazi ngenxa yonqulo lwakhe (In re Brown)
NGOAGASTI 31, 1972—INkundla Yezibheno yaseColumbia yagqiba kwelokuba umntu omdala ngokwaneleyo unelungelo lokuzenzela isigqibo ngokungavumi ukutofelwa igazi nokuba uyayazi imiphumo yaloo nto (In re Osborne)
NGONOVEMBA 30, 1953—INkundla Ephakamileyo yaseMerika yathi kuba umntu eliNgqina likaYehova okanye esebenza loo nto ayithethi ukuba akanakukwazi ukuya emkhosini (Dickinson v. United States)
NGO-1944—Ukutshutshiswa kwamaNgqina kaYehova kuba ngcono
NGOJUNI 14, 1943—INkundla Ephakamileyo yaseMerika iye yasitshintsha isigqibo esingetyala likaGobitis sokunyanzela umfundi oliNgqina ukuba akhahlele iflegi njengokuphatha kakubi amalungelo akhe (West Virginia State Board of Education v. Barnette)
NGOMEYI 3, 1943—INkundla Ephakamileyo yaseMerika itshintsha umthetho wokuba amaNgqina kaYehova amele athenge ilayisensi ngaphambi kokuba ahambise iincwadi zabo (Murdock v. Pennsylvania)
NGOJUNI 3, 1940—INkundla Ephakamileyo yaseMerika iye yanyanzelisa ukuba bonke abafundi ezikolweni bakhahlele iflegi (Minersville School District v. Gobitis); emva koko amaNgqina ayatshutshiswa
NGOMEYI 20, 1940—INkundla Ephakamileyo yaseMerika iye yagweba ukuba urhulumente wasekuhlaleni nowelizwe umele asihloniphe isigqibo esasenziwe ngaphambili ngenkululeko yabo yonqulo. INkundla yaphinda yathi ukushumayela kwamaNgqina akubangeli zingxaki (Cantwell v. Connecticut)
NGOMATSHI 28, 1938—INkundla Ephakamileyo yaseMerika iyasitshintsha isigwebo esithi amaNgqina kaYehova amele afumane imvume ngaphambi kokuba ahambise iincwadi zabo (Lovell v. City of Griffin)
NGOJULAYI 26, 1931—ABafundi BeBhayibhile babizwa ngokuba ngamaNgqina kaYehova
NGOMEYI 14, 1919—Izityholo kubazalwana abakhokelayo kwiWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania ziyatshintshwa emva koko bafunyanwa bengenatyala
NGOJUNI 20, 1918—Abazalwana abakhokelayo beWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania bafunyaniswa benetyala baze bavalelwe kuba betyholwa ngokuhambisa iincwadi ezingayixhasiyo imfazwe
NGOMATSHI 4, 1909—IPeoples Pulpit Association, kamva yatshintshwa yaza yabizwa ngokuba yi-Watchtower Bible and Tract Society of New York, Inc.
NGOJANUWARI 31, 1909—IKomkhulu laBafundi BeBhayibhile liya eBrooklyn, eNew York
NGODISEMBA 15, 1884—Kubakho umbutho osemthethweni owaziwa kamva njengeWatch Tower Bible and Tract Society of Pennsylvania
NGOO-1880—IKomkhulu laBafundi beBhayibhile limisela iofisi eAllegheny, ePennsylvania
NGOJULAYI 1879—Kukhutshwa imagazini yokuqala eyaziwa ngoku ngokuba yiThe Watchtower
NGOO-1870—UCharles Taze Russell nabanye abazalwana baqalisa iqela lesifundo seBhayibhile e-Allegheny, ePennsylvania, ibe baziwa njengaBafundi BeBhayibhile