Yiya kwinkcazelo

MEYI 17, 2017
EMERIKA

AmaNgqina Asithengisile Isakhiwo Sawo Esise-107 EColumbia Heights, Ebesikade Silikomkhulu Lawo Nesinembali EBrooklyn

AmaNgqina Asithengisile Isakhiwo Sawo Esise-107 EColumbia Heights, Ebesikade Silikomkhulu Lawo Nesinembali EBrooklyn

ENEW YORK—NgoMeyi 9, 2017, amaNgqina KaYehova athengisele ngokusemthethweni inkampani iClipper Realty isakhiwo sawo esise-107 eColumbia Heights, esiseBrooklyn Heights kwiSithili saseNew York. Ukususela ngo-1960, esi sakhiwo besilikhaya kumaNgqina asebenza kwikomkhulu lehlabathi.

Esi sakhiwo sinemigangatho eyi-11, sisecaleni kwendawo ekuhanjwa kuyo eBrooklyn Heights. Sinegadi entle ibe xa ukuso eluphahleni uyibona kakuhle iBrooklyn Bridge, iEast River, nomzantsi weManhattan.

Igadi yase-107 eColumbia Heights.

UDavid A. Semonian, isithethi samaNgqina KaYehova esikwikomkhulu lawo elitsha eWarwick, eNew York uthe: “Bekumnandi ukubona abamelwane bethu ingakumbi iintsapho zisiza e-107 Columbia Heights zisonwabela nokuhlala kwigadi yethu. Bekumnandi ukuhlala kwesi sakhiwo iminyaka engaphezu kweyi-50 ibe besitsala umdla wabantu baseBrooklyn Heights.”

Onokuqhagamshelana Naye:

UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000