Yiya kwinkcazelo

MEYI 22, 2017
EMERIKA

Ukuvulwa KweKomkhulu Lehlabathi LamaNgqina Elitsha Kutsale Umdla Wabantu Abaninzi

Ukuvulwa KweKomkhulu Lehlabathi LamaNgqina Elitsha Kutsale Umdla Wabantu Abaninzi

ENEW YORK—NgoMgqibelo, ngoAprili 29, 2017, amaNgqina KaYehova abize abantu abaninzi kunabo bebekho kuqala kwakhona ukuba beze kutyelela ikomkhulu lawo elitsha eliseWarwick, eNew York.

KuMgqibelo odlulileyo iindwendwe beziyi-468 ibe landile inani labantu ebebekhona xa kuthelekiswa noMgqibelo odlulileyo. Umphathi wezakhiwo zekomkhulu uTroy Snyder uthi: “Sivuyiswa kukubona abamelwane bethu abaninzi ingakumbi amagosa edolophu beze kubuka kwizakhiwo zethu ezigqityiweyo. Kukho nabanye abahlali abaphinde babuya beze kubuka ngenxa yezinto abazibonayo ngoxa babezokubuka kwiveki ephelileyo.”

Abantu ebebekho kule Migqibelo mibini xa bekuvulwa ikomkhulu bebeyi-863 ukususela ngo-10:00 kusasa ukuya kutsho ngo-4:00 emva kwemini. UMnumzan’ uSnyder uphinde wathi: “Ukuvulwa kwekomkhulu kuhambe kakuhle. Bancomile abantu ebebezile. Sikhangele phambili ekubeni baphinde babuye abamelwane bethu ukuza kubuka isakhiwo sethu nemyuziyam kwakhona.”

UIngrid Magar

UIngrid Magar ohlala kufutshane eTuxedo Park, eNew York ngomnye kubamelwane ebebeze kubuka esi sakhiwo. Ebesebenzela inkampani i-International Nickel ebikade ingowayo lo mhlaba kangangeminyaka eyi-18 kwicala elihlola izixhobo neentsimbi. Ekhumbula indlela ebikade iyiyo le ndawo uthi: “Iyandivuyisa into eyenzeke apha. Ibiyindawo nje engenanto ibe besizibuza ukuba kuza kwakhiwa ntoni kuyo. Yindawo entle ibe niyenze yantle kakhulu. UIngrid uphinde wathi ngabantu abahlala kwesi sakhiwo: “Ndicinga ukuba nina maNgqina KaYehova ningabantu abalungileyo. Ninobubele, nibakhathalele abantu, izilwanyana nendawo enihlala kuyo ibe ndicinga ukuba sincedakele kakhulu ngokuba nabamelwane abafana nani.”

UWilliam Hoppe

UWilliam Hoppe oyinjineli obehlola lo msebenzi kwisixeko saseWarwick kwiminyaka emibini yolwakhiwo yokugqibela uthe: “Kuyabonakala ukuba bebefuna ube semgangathweni lo msebenzi.  . . . Loo nto iyabonakala ngoku sigqityiweyo esi sakhiwo. Bendimangaliseke kakhulu kukubona indlela abazikhathalele ngayo izilwanyana ngoxa bekusakhiwa nendlela ebebezigade ngayo ngoxa bebesakha. Ndicinga ukuba bangumzekelo omhle kwabanye abantu abaza kuphinda bakhe.”

Onokuqhagamshelana Naye:

UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000