Yiya kwinkcazelo

SEPTEMBA 8, 2014
EMERIKA

ULillian Gobitas Klose, Umfundi Oyintombazana Owayekwityala LeNkundla Ephakamileyo Ngo-1940, Usweleke Ena-90

ULillian Gobitas Klose, Umfundi Oyintombazana Owayekwityala LeNkundla Ephakamileyo Ngo-1940, Usweleke Ena-90

ENEW YORK—ULillian Gobitas Klose, waduma ngenxa yesigqibo sakhe sokungakhahleli flegi esamsa kwiNkundla Ephakamileyo yaseMerika, uswelekele emzini wakhe oseFayetteville, eGeorgia ngoAgasti 22, 2014. Ebeneminyaka eyi-90.

UWilliam Henry Gobitas (ekhohlo), uWalter Gobitas noLillian Gobitas emva kokuba abantwana begxothiwe esikolweni ngenxa yokungayikhahleli iflegi ngo-1935.

Ileta eyabhalwa nguLillian Gobitas kwiBhodi yeSikolo saseMinersville ngo-1935, ethethelela ukholo lwakhe.

ULillian Gobitas nomntakwabo uWilliam, abangamaNgqina kaYehova, bagqiba kwelokuba bangayikhahleli iflegi emva kokuba beve isibhengezo kunomathotholo ngo-Oktobha 6, 1935, esasithetha ngemithetho yeBhayibhile engaluvumeliyo unqulo-zithixo. Emva kweeveki ezimbalwa bagxothwa esikolweni ngenxa yeso sigqibo sabo. Uyise, uWalter, wafaka isimangalo ukuze akhusele amalungelo abantwana bakhe waza waphumelela kwiinkundla zasekuhlaleni. Ibhodi yesikolo yafaka isibheno kwiNkundla Ephakamileyo ibe ngoJuni 3, 1940, abakwaGobitas abazange baphumelele kweli tyala lithi, Minersville School District v. Gobitis (ifani yayibhalwe kakubi kwiincwadi zasenkundleni). Emva kweminyaka emithathu, ngoSuku lweFlegi, ngoJuni 14, 1943, kwityala leWest Virginia State Board of Education v. Barnette, iNkundla Ephakamileyo yasiguqula isigwebo esasenziwe ngo-1940, ivumela abantwana bamaNgqina ukuba babuyele esikolweni. Yayikokokuqala ngqa ezimbalini ukuba iNkundla Ephakamileyo yaseMerika irhoxe ngokukhawuleza kangaka.

ULillian Gobitas wazalelwa eMinersville, esePennsylvania, ezalwa nguWalter noRuth Gobitas ngoNovemba 2, 1923. Waba liNgqina likaYehova elibhaptiziweyo ngoMatshi 14, 1935. Xa yayineminyaka eyi-20, le ntombi kaGobitas yaqalisa ukuchitha ixesha elininzi ifundisa abanye iBhayibhile (yaba nguvulindlela othe ngxi ngokwamaNgqina) yaza ethubeni yaya kusebenza kwikomkhulu lamaNgqina kaYehova eBrooklyn, eNew York, ukususela ngoFebruwari 1946 ukusa ngoAprili 1953.

ULillian nomyeni wakhe, uErwin Klose, bengabathunywa bevangeli eVienna, eOstriya, ngo-1954.

Ngoxa wayeye kwindibano yamaNgqina kaYehova eYurophu ngo-1951, wadibana noErwin Klose kwiofisi yesebe yamaNgqina eJamani. Baqalisa ukuthandana ngoxa lo kaKlose wayekwiSikolo SeBhayibhile SeWatchtower SaseGiliyadi, isikolo sabathunywa bevangeli abangamaNgqina, eSouth Lansing, eNew York. Lo mfo waphumelela esikolweni ngo-1952 waza waya kukhonza eVienna, eOstriya. Intombi yakwaGobitas nayo yaphumelela kwisikolo sabathunywa bevangeli abangamaNgqina ngoFebruwari 1954.

NgoMatshi 24, 1954, yena nokaKlose batshata eVienna baza baqhubeka nokuba ngabathunywa bevangeli eOstriya. Ekupheleni kwaloo nyaka babuyela eMerika ngenxa yokuba nkenenkene kwempilo kaKlose, ibangelwa yindlela embi awaphatheka ngayo kuba eliNgqina likaYehova kwinkampu yoxinaniso yamaNazi. Ethubeni baba nabantwana ababini, uStephen Paul noJudith Deborah. Ngo-1967, le ntsapho yakwaKlose yafudukela eRiverdale, eGeorgia apho yafika yandisa ixesha elichitha ifundisa ngeBhayibhile.

ULillian Gobitas Klose ushiya ngasemva intombi yakhe, uJudith Klose; oodadewabo ababini, uJeanne Fry noGrace Reinisch; kunye nomntakwabo uPaul Gobitas. Umyeni wakhe, abazali bakhe, umntakwabo uWilliam Gobitas, udadewabo uJoy Yubeta, nonyana wakhe uStephen Paul Klose, bona basweleka kuqala kunaye.

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000+1 718 560