Yiya kwinkcazelo

MEYI 13, 2014
EMERIKA

Inkanyamba Iye Yathwaxa Umbindi Nomzantsi WeUnited States

Inkanyamba Iye Yathwaxa Umbindi Nomzantsi WeUnited States

Ukususela ngoAprili 27, 2014, imozulu embi kumbindi nomzantsi weUnited States yabangela inkanyamba enkulu. Inkanyamba yatshabalalisa izindlu ibe iingxelo zibonisa ukuba kusweleke abantu abangaphezu kwabayi-30. Iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eUnited States ithi akukho maNgqina aswelekileyo okanye onzakeleyo kodwa izindlu ezisixhenxe ziye zemka nale nkanyamba. Ukongezelela, iindawo ezintathu anqulela kuzo amaNgqina zidilikile. Iikomiti zamaNgqina zinceda kulo mmandla uthwaxwe yinkanyamba.

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000