Yiya kwinkcazelo

OKTOBHA 13, 2017
EMERIKA

INGXELO | Yomlilo EKhalifoniya

INGXELO | Yomlilo EKhalifoniya

IKomiti yeSebe yaseMerika ikhuphe le ngxelo ilandelayo ngabazalwana abachatshazelwe ngumlilo wamahlathi kuMntla nakuMzantsi weKhalifoniya.

KuMntla WeKhalifoniya: Iofisi yesebe yaseMerika ithethe nabaveleli besiphaluka baseMendocino, eNapa naseSonoma ibe bonke bathe abazalwana bakhuselekile nangona umvakalisi omnye onzakele. Kunyanzeleke ukuba abazalwana abamalunga nabayi-700 basiwe kwezinye iindawo, ngoxa abamalunga nabayi-2 000 bekulungele ukusiwa kwezinye iindawo xa kuvela ingxaki. Abazalwana abasiwe kwezinye iindawo bahlala ezindlini zamanye amaNgqina. Ukuza kuthi ga ngoku konakele iHolo yoBukumkani enye nezindlu ezintathu zabazalwana. Ukongezelela, zizindlu eziyi-22 ezonakele kakhulu ibe eziyi-32 azonakalanga kangako. Abaveleli beziphaluka bayabathuthuzela abazalwana.

KuMzantsi WeKhalifoniya: EAnaheim, iintsapho zamaNgqina eziyi-25 zisiwe kwezinye iindawo, kodwa akukho bazalwana bonzakeleyo. Abazalwana abasiwe kwezinye iindawo bahlala ezindlini zamanye amaNgqina. Akukho Holo yoBukumkani okanye zindlu zabazalwana zonakeleyo.

Siqinisekile ukuba uYehova uza kuba “yindawo enqabisekileyo” kubo bonke abachatshazelwe ngulo mlilo.—INdumiso 9:9, 10

Onokuqhagamshelana Naye

UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000