Yiya kwinkcazelo

JANUWARI 17, 2023
EMEXICO

INguqulelo Yehlabathi Elitsha Epheleleyo Iyafumaneka Ngolwimi Lwentetho Yezandla LwaseMexico

INguqulelo Yehlabathi Elitsha Epheleleyo Iyafumaneka Ngolwimi Lwentetho Yezandla LwaseMexico

NgoJanuwari 1, 2023, umzalwana uArmando Ochoa, okwiKomiti YeSebe kuMbindi Merika, uye wakhulula iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ngolwimi lwentetho yezandla lwaseMexico, ibe iyafumaneka ku-jw.org nakwiapp ethi JW Library Sign Language. Umzalwana uOchoa uye wenza esi saziso sivuyisayo kwintlanganiso ekhethekileyo ebikwiHolo yeNdibano e-El Tejocote.

Umzalwana (osekunene) utolikela umzalwana ongaboniyo kucwangciso lokukhululwa kweBhayibhile esebenzisa intetho yezandla itactile

Le ibiyintlanganiso yokuqala yobuso ngobuso yamaNgqina kaYehova kwiSebe loMbindi Merika oko kwaqala ikhorona. Bayi-2 317 abazalwana noodade ababekhona kule holo. Abanye abazalwana abaninzi babebukele le ntlanganiso kwezinye iiHolo zeNdibano nakwiiHolo zoBukumkani kulo lonke elaseMexico.

Abanye ababekhona nguSergio Peña, ofundele intetho yezandla yaseMerika neyaseMexico, kunye noMaría Teresa Vázquez, ongumphathi kwi-Institute for the Inclusion of People with Disabilities kwiDolophu yaseYucatan.

UPeña wathi: “Siyawabulela kakhulu amaNgqina kaYehova aseMexico. Ukususela ngoJanuwari 1, 2023, abantu abangevayo baye bafumana . . . iBhayibhile epheleleyo ngolwimi lwentetho yezandla lwaseMexico. Lo ngumsebenzi oncomekayo nomhle kakhulu.”

Lo msebenzi wokuguqulela iNguqulelo Yehlabathi Elitsha ngolwimi lwentetho yezandla lwaseMexico, waqaliswa ngoAgasti 2008 ibe kwaqalwa ngeZibhalo zamaKristu zesiGrike. Kule minyaka eyi-14 edluleyo bekusoloko kukhululwa incwadi nganye yeBhayibhile xa igqitywa ukuguqulelwa. Kokokuqala kukhululwa iBhayibhile epheleleyo ngolwimi lwentetho yezandla lwaseMexico.

Nasebudeni beKhorona, abavakalisi abangevayo baye bakuvuyela ukufumana iincwadi ezahlukeneyo zeBhayibhile. Omnye umzalwana wathi: “Ndiyayibulela into yokuba ezi ncwadi zeBhayibhile sasisoloko sizifumana nangexesha lekhorona. UYehova wayeqhubeka esomeleza ukholo lwethu.”

Omnye udade ongevayo wathi: “Ngaphambi kokuba sibe neNguqulelo Yehlabathi Elitsha ngentetho yezandla, abazalwana babenditolikela iivesi zeBhayibhile. Kodwa kwakunzima ukuba abazalwana banditolikele iivesi ngendlela efanayo. Le nto yayisenza kube nzima ukuzazi ngentloko iivesi. Ngoku andixhomekekanga kubazalwana ukuba ndazi iBhayibhile.”

Siqinisekile ukuba abazalwana noodade abangevayo baza kukuvuyela ukuba neBhayibhile epheleleyo. Sithandazela intsikelelo kaYehova kwimizamo yabo yokwabelana nabanye ‘ngethemba nangekamva.’—Yeremiya 29:11.