JUNI 10, 2022
EMEXICO
INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZesiGrike Ikhululwe NgesiNahuatl (kuMntla wePuebla)
NgoJuni 5, 2022, uMzalwana uEdward Bunn, okwiKomiti yeSebe lakuMbindi Merika uye wakhulula iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZesiGrike ngesiNahuatl (kuMntla wePuebla) eprintiweyo ibe iyafumaneka kwizixhobo ze-eletroniki. Abantu abangaphezu kwe-1 500 baye bakwazi ukubukela ucwangciso olurekhodiweyo.
Abantu abaninzi abathetha isiNahuatl (kuMntla wePuebla) bahlala kwiindawo zaseMexico iPuebla neVeracruz. Amabandla okuqala eNahuatl (kuMntla wePuebla) amiselwa ngo-2002. Abavakalisi abathetha isiNahuati babexhomekeke kwiBhayibhile yolwimi olwaluthethwa ekuhlaleni. Le Bhayibhile yayingenalo igama likaYehova, endaweni layo yayifaka isibizo esithi Nkosi okanye Thixo.
Xa wayenikela intetho yakhe, uMzalwana uBunn wathi: “Sinikhuthaza ukuba nikhawuleze niyifunde le Nguqulelo yeZibhalo zesiGrike. Ningayenza loo nto niqinisekile ukuba iwudlulisela ngendlela echanileyo umyalezo kaThixo ngolwimi lwenu.”
Siqinisekile ukuba le Nguqulelo iza kubanceda abazalwana noodade abathetha isiNahuatl (kuMntla wePuebla) bakwazi ukuzishumayela iindaba ezilungileyo zoBukumkani.—Marko 13:10.