Yiya kwinkcazelo

NOVEMBA 28, 2014
EMEXICO

Abasemagunyeni EMexico Bancoma AmaNgqina Kuba Ecoce Ibala Lemidlalo

Abasemagunyeni EMexico Bancoma AmaNgqina Kuba Ecoce Ibala Lemidlalo

ISIXEKO SASEMEXICO—Amatsha-ntliziyo angamaNgqina kaYehova angaphezu kwayi-250 ancedisa ekucocweni kwebala lemidlalo ngoJuni 7, 2014, ukulungiselela isiganeko esikhethekileyo sasekuhlaleni. Abasemagunyeni bayixabisa kakhulu loo nto.

Kangangeenyanga eziliqela ngaphambi kukaJulayi 7, 2014, umphathi weli bala uNjingalwazi uAntonio Cota Márquez, wacela amatsha-ntliziyo aza kucoca. Wayelungiselela ukuvulwa kweli bala. AmaNgqina kaYehova asabela kweli khwelo ibe ancedisa ekucoceni, ekulungiseni, ekupeyinteni nasekuhombiseni elo bala.

Iholo amaNgqina adla ngokubambela kulo iindibano.

Lo mphathi wacela amaNgqina kuba wayeyazi indlela entle aliphatha ngayo elinye iholo kweli bala, xa ebambele iindibano zawo ngeSpanish nangesiMayo. Emva kokuba ebukele njengoko amaNgqina ayecoca yaye elungisa, umphathi wathi xa kwakudliwan’ indlebe naye: “Siyakuvuyela ukubona abantu abanikela ngexesha labo ukuze bacoce le ndawo.” Ukongezelela wathi: “Egameni likasodolophu, uRamón Díaz Nieblas, siyawuxabisa kakhulu umsebenzi eniwenzileyo. Siza kuqhubeka sinivumela ukuba nisisebenzise esi sakhiwo. Siyayixabisa intsebenziswano.”

Fowunela: UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

EMexico: UGamaliel Camarillo, tel. + 52 555 133 3000