Yiya kwinkcazelo

Iqela lamaHuichol ladiliza le ndlu, laba amacango, iifestile nophahla. Ifoto: Abazalwana noodade bebandla laseHuichol abagxothwe ezindlini zabo.

FEBRUWARI 6, 2018
EMEXICO

AmaNgqina KaYehova AseJalisco, EMexico, Agxothiwe Ezindlini Zawo NgamaHuichol

AmaNgqina KaYehova AseJalisco, EMexico, Agxothiwe Ezindlini Zawo NgamaHuichol

ISIXEKO SASEMEXICO—NgoDisemba 4, 2017, iqela labantu eTuxpan de Bolaños, idolophu ekwiintaba zaseJalisco, eMexico, lihlasele abazalwana abayi-12 abangamaHuichol nabantu abayi-36 abakhonza kunye nabo baza babagxotha nasezindlini zabo. Eli qela belinomsindo kuba amaNgqina engazenzi izithethe zonqulo zamaHuichol. Abazalwana bethu baye babhena kuba bephethwe kakubi ngenxa yezinto abazikholelwayo.

Izinto zabazalwana bethu bezilahlwa okanye zibiwe.

Abasemagunyeni baseMexico bayazihlonela izithethe zamaHuichol kangangokuba bayawavumela ukuba aphathe ukusa kumkhamo othile. Eli qela belihlasela abazalwana bethu, libagxothile ezindlini zabo, lazidiliza, laba amacango namaphahla laza lazilahla ezinye izinto liyalelwa ngurhulumente wamaHuichol. Abazalwana basiwa emahlathini baza baxelelwa ukuba xa bebuyela ezindlini baza kubulawa.

AmaNgqina KaYehova angamaHuichol ngaphandle kweHolo YoBukumkani.

Ummeli weofisi yesebe eliseMexico uye kwaba bazalwana bagxothwe ezindlini zabo ukuze abakhuthaze ngeZibhalo aze abalungiselele neendawo zokuhlala. Amagqwetha amaNgqina KaYehova adibana nomntu owalathisa urhulumente waseJalisco, umtshutshisi wamalungelo abantu, umtshutshisi wesithili nomalathisi wezinto ezinento yokwenza namaxhoba aphethwe kakubi. Abezomthetho bayaphanda ngezi zinto zingekho mthethweni zenziwe kumaNgqina.

UMzalwana uGamaliel Camarillo, isithethi samaNgqina KaYehova saseMexico, uthi: “Isothusile into yokuva ukuba abazalwana bethu abahleli eluxolweni nabantu, nabahlonela izithethe zasekuhlaleni, bahlaselwe ngenxa yokungavumi ukwenza izithethe zonqulo zamaHuichol kuba izazela zabo zingabavumeli. Sinethemba lokuba abasemagunyeni basekuhlaleni baza kuyeka ukuwaphatha kakubi amaNgqina ngenxa yonqulo lwawo.”

Siyabathandazela abazalwana bethu abangenazindlu nezinye izinto, siqinisekile ukuba uYehova uza kubanika izinto abazidingayo esebenzisa intlangano yakhe.—Isaya 32:2.

Ongaqhagamshelana Nabo:

EMerika: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EMexico: UGamaliel Camarillo, +52-555-133-3048