OKTOBHA 23, 2013
EMEXICO
Iinkanyamba Eziyingozi Zithwaxa IMexico
Ukususela ekuqaleni ukuya kutsho phakathi kuSeptemba 2013, iiNkanyamba ezibizwa ngokuba nguIngrid noManuel zathwaxa iMexico ngezantyalantyala zemvula ezabangela umhlaba wakhukhuliseka. Ezi nkanyamba zange nje zanele ukonakalisa izindlu namasimi, kodwa ngenxa yazo kwasweleka abantu abayi-80. Elinye iNgqina likaYehova lenzakala ebudeni bale ntlekele. Ukongezelela, ngenxa yokuvalwa kweendlela, amaNgqina ayi-300 akazange akwazi ukuya kwindibano yesithili eChilpancingo kwiphondo laseGuerrero. Kuba evalelekile, la maNgqina afumana indawo yokuxhwarha kwiHolo yeNdibano yamaNgqina kaYehova nakumakhaya amaNgqina alapho. Abameli beofisi yesebe yamaNgqina kaYehova aseMexico baqhubeka besebenza nabameli abahambahambayo kunye neekomiti ezinceda ngamaxesha entlekele ekukho kuzo abazalwana abakhokelayo abangamaNgqina, ukuze kuhlolwe umonakalo nezinto ezidingwa ngabo bathwaxwe zezi nkanyamba.
Fowunela:
UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000
EMexico: UMarco Barrera, tel. +52 555 858 0116