SEPTEMBA 20, 2017
EMEXICO
Inyikima Enkulu Intlitha UMbindi Mexico
NgoSeptember 19, 2017, inyikima enkulu intlithe umbindi weMexico yaza yabulala abantu abayi-200. Iofisi yesebe ekuMbindi Merika ize nezingxelo zilandelayo.
Okubuhlungu kukuba, udade ohlala kwisixeko saseMexico ubulewe yile nyikima. Ukongezelela koko, kusalahleke udade emva kokuba kuwe indlu yakhe. Kwisixeko sasePuebla, konzakele udade omnye ibe eMexico kukho udade osesibhedlele ngenxa yokonzakala.
Kuye kwafuneka abantu abasebenza kwiofisi yesebe bafuduke okwethutyana kodwa ngoku izinto zibuyele esiqhelweni. Akukho mntu wonzakeleyo ibe nesakhiwo asonakalanga.
Asiyeki kubathandazela abazalwana noodade wethu kweli xesha linzima, sisazi ukuba uYehova uza kubaxhasa ibe uyakwazi “ukubandezeleka” kwabo.—INdumiso 31:7.
Ongaqhagamshelana Nabo:
Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000
EMexico: UGamaliel Camarillo, +52-555-133-3048