APRILI 24, 2015
EMEXICO
Kwakhululwa INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike NgesiTzotzil EMexico
KWISIXEKO SASEMEXICO—AmaNgqina KaYehova akhulula iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ngesiTzotzil kwindibano eyayingoDisemba 26-28, 2014, eTuxtla Gutierrez, eChiapas. Le Ndibano Yengingqi eyayinomxholo othi, “Qhubeka Ufuna Kuqala UBukumkani BukaThixo!” yanikelwa ngesiTzotzil, ulwimi lwamaMaya, yaye yabukelwa naseComitan, eChiapas. Ukongezelela kule Bhayibhile, bonke abayi-5 073 ababekho bafumana iincwadi ezintsha ezintandathu ezibhalwe ngesiTzotzil.
Isithethi samaNgqina KaYehova eMexico, uGamaliel Camarillo, sithi: “Sinemincili ngenxa yokukhululwa kweNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ngesiTzotzil. Sikhangele phambili ekuyifundeni nabamelwane bethu abathetha isiTzotzil.”
Kuthiwa isiTzotzil sithethwa ngabantu abangaphezu kwe-350 000 eBaja California, eCampeche, eChiapas, eOaxaca naseVeracruz. Ukuze kushunyayelwe kubantu abathetha isiTzotzil, amaNgqina aseke iofisi yokuguqulela ulwimi lwesiTzotzil, enabaguquleli abayi-15 eSan Cristobal de las Casas, eChiapas. Incwadi yokuqala yamaNgqina yesiTzotzil yakhululwa ngo-2002. Ngoku, amaNgqina KaYehova anezinto zesiTzotzil ezingaphezu kwe-60 ezifumaneka kwiwebhsayithi ethi jw.org.
Media Contact(s):
International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000
Mexico: Gamaliel Camarillo, tel. +52 555 133 3048