MEYI 22, 2015
EMEXICO
AmaNgqina KaYehova Ayekho Kowona Mboniso Weencwadi Mkhulu Kumazwe Athetha ISpanish
EMEXICO CITY—AmaNgqina KaYehova amkelwa ukuba abekho kumboniso weencwadi waseGuadalajara, owona mboniso weencwadi mkhulu kumazwe athetha iSpanish nongowesibini ngobukhulu ehlabathini. Esi siganeko sasibanjelwe eGuadalajara, eseMexico, ukususela ngoNovemba 29 ukuya kutsho ngoDisemba 7, 2014. Kweza abantu abangaphezu kwabayi-760 000.
Kwakukho iinkampani ezenza iincwadi ezimalunga neziyi-1 900 ezazisuka kumazwe ayi-44. Nawo ke amaNgqina KaYehova ayekho kwesi siganeko sibakho rhoqo, ebonisa iBhayibhile neencwadi ezisekelwe eBhayibhileni, iincwadi eziquka ezithetha ngeentsapho, ulutsha nabantwana.
UGamaliel Camarillo, osisithethi samaNgqina KaYehova eMexico, uthi, “Kwezo ntsuku zine, ngabantu abangaphezu kwabayi-10 000 abeza kubona izinto zethu ibe sahambisa iincwadi ezimalunga neziyi-29 000 mahala. Kodwa ke, injongo yethu asikokuhambisa iincwadi nje kuphela. Iimagazini neencwadi zethu zibalaselisa amacebiso eBhayibhile anceda izigidi zabantu suku ngalunye.”
Media Contact(s):
International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000
Mexico: Gamaliel Camarillo, tel. +52 555 133 3048