Yiya kwinkcazelo

DISEMBA 1, 2017
EMEXICO

AmaNgqina Akulungele Ukuphinda Akhe EGuatemala NaseMexico Emva Kweenyikima Ezinkulu

AmaNgqina Akulungele Ukuphinda Akhe EGuatemala NaseMexico Emva Kweenyikima Ezinkulu

NgoDisemba 1 kuza kuqalisa umsebenzi omkhulu wokwakha, ekuqikelelwa ukuba uza kuxabisa iidola eziyi-10 miliyoni. Lo msebenzi uquka ukuphinda kwakhiwe izindlu eziphantse zibe yi-500 neeHolo zoBukumkani eziyi-16 nokulungisa ezinye izakhiwo ezininzi ezifunyenwe zezi nyikima zimbini zihlasele iGuatemala neMexico ngoSeptemba.

KWISIXEKO SASEMEXICO—IKomiti Yesebe ekuMbindi Merika iza kuqalisa umsebenzi omkhulu wokwakha eGuatemala naseMexico ngoDisemba 1, 2017, ngaloo ndlela inceda emva kweenyikima ezimbini eziye zenzeka ngoSeptemba. Emva nje kwezi nyikima, eli sebe liye lalungiselela abazalwana abafunyenwe zizo amanzi, ukutya, amayeza neempahla. Owona msebenzi uza kwenziwa ngoku kukuphinda kwakhiwe iiHolo zeNdibano, ezoBukumkani nezindlu zabazalwana bethu.

EChiapas naseOaxaca bekukho abazalwana noodade abayi-655 abaye bafuduswa emva kwenyikima enkulu ebingoSeptemba 7. Kwezi ndawo kuza kuphinda kwakhiwe izindlu eziyi-315 neeHolo zoBukumkani eziyi-15. Ukongezelela, kuza kulungiswa izindlu eziyi-1 039, iiHolo zoBukumkani eziyi-108 neeHolo zeNdibano eziyi-3.

Kwisixeko saseMexico, eMorelos nasePuebla inyikima enkulu ebingoSeptemba 19 yenze kwafuduka abazalwana noodade abayi-463. Kuza kuphinda kwakhiwe izindlu eziyi-158, ezinye eziyi-600, iiHolo zoBukumkani eziyi-39, kukho neHolo yeNdibano eza kulungiswa.

EGuatemala, inyikima ebingoSeptemba 7 yenze kwafuduka abazalwana noodade abayi-36. Kwiinyanga ezilandelayo, abazalwana noodade abakhayo namavolontiya asekuhlaleni aza kuphinda akhe izindlu ezisithoba neHolo yoBukumkani enye. Baza kulungisa nezindlu eziyi-20 neeHolo zoBukumkani eziyi-4.

IKomiti YeSebe iqikelela ukuba umsebenzi wokunceda owenziwa ziikomiti eziyi-39 ezinceda ngexesha lentlekele, uza kuxabisa phantse kangangeedola eziyi-10 miliyoni ibe uza kwenziwa kangangeenyanga ezintlanu ukuya kwezintandathu. Abazalwana noodade abakhayo abamalunga nabayi-30 bacinga ngokufudukela kwiindawo ezehlelwe yinyikima, ibe abayi-970 baza kuncedisa kumsebenzi wokuphinda kwakhiwe. Siqinisekile ukuba uYehova uza kukusikelela ukuba “nesabelo kubulungiseleli” kwamavolontiya ngenxa yabazalwana abakwiindawo ezithwaxwe yinyikima.—2 Korinte 8:4.

Ongaqhagamshelana Nabo:

EMerika: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EGuatemala: UJuan Carlos Rodas +502-5967-6015

EMexico: UGamaliel Camarillo, +52-555-133-3048