EMexico
AmaNgqina KaYehova AseJalisco, EMexico, Agxothiwe Ezindlini Zawo NgamaHuichol
Iqela labantu lahlasela amaNgqina KaYehova laza lawagxotha kumakhaya awo. Abazalwana bethu baye babhena kuba bephethwe kakubi ngenxa yezinto abazikholelwayo.
AmaNgqina Akulungele Ukuphinda Akhe EGuatemala NaseMexico Emva Kweenyikima Ezinkulu
AmaNgqina KaYehova aza kuqalisa umsebenzi omkhulu wokunceda abazalwana babo abaseMexico naseGuatemala ebebehlaselwe ziinyikima ezimbini.
AmaNgqina Awongwa Ngomsebenzi Wawo Wokufundisa IBhayibhile Kwiintolongo ZaseMexico
Abasemagunyeni babulela amaNgqina kaYehova ngeenzame zawo zokufundisa iBhayibhile amabanjwa akwiintolongo zaseBaja California.
AmaNgqina KaYehova Ayekho Kowona Mboniso Weencwadi Mkhulu Kumazwe Athetha ISpanish
Kumboniso weencwadi waseGuadalajara bekuboniswa iincwadi ezifumaneka ehlabathini lonke, kuquka ezamaNgqina KaYehova.
Kwakhululwa INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike NgesiTzotzil EMexico
AmaNgqina KaYehova akhulula iZibhalo ZamaKristu ZesiGrike (“iTestamente Entsha”) ngesiTzotzil, ulwimi oluthethwa ngamaNdiya angamaMaya kwimimandla yaseChiapas.
Abasemagunyeni EMexico Bancoma AmaNgqina Kuba Ecoce Ibala Lemidlalo
Amatsha-ntliziyo angamaNgqina kaYehova angaphezu kwayi-250 ancedisa ekucocweni kwebala lemidlalo ngoJuni 7, 2014 ukulungiselela isiganeko esikhethekileyo sasekuhlaleni. Abasemagunyeni bayixabisa kakhulu loo nto.
AmaNgqina Abonisa Ngoncwadi Lwawo KwiSixeko SaseMexico
AmaNgqina kaYehova abonisa ngoncwadi neevidiyo zawo ezahlukahlukeneyo kumboniso weencwadi ka-2014.