Yiya kwinkcazelo

MATSHI 6, 2015
EMOZAMBIQUE

AmaNgqina Aye Anceda Emva Kwezikhukula Ezonakalisileyo EMozambique

AmaNgqina Aye Anceda Emva Kwezikhukula Ezonakalisileyo EMozambique

EMAPUTO, eMozambique—Izantyalantyala zemvula ezine kangangeeveki eziliqela ukususela ngoDisemba ukuya kutsho phakathi kuJanuwari, kwiphondo laseZambezia eMozambique, zibangele izikhukula ezibulele abantu abayi-158. Iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova eMozambique inikele ingxelo yokuba akukho maNgqina aswelekileyo okanye onzakeleyo. Sekunjalo, izikhukula zonakalise iindawo ezimbini zonqulo, ezibizwa ngokuba ziiHolo ZoBukumkani nezindlu zamaNgqina eziyi-225.

Amatsha-ntliziyo angamaNgqina alungiselela ukuthatha ukutya ngenqwelo-ntaka akuse eChire, eZambezia.

AmaNgqina aye amisela iikomiti zoncedo eziliqela ukuze zinyamekele iintswelo zabantu abakwindawo ebinezikhukula. Ezinye iiHolo ZoBukumkani ziye zasetyenziswa njengekhusi lokwexeshana namaziko okusasaza ukutya. EChire, eziikhilomitha ezimalunga neziyi-1 500 ukusuka eMaputo, izikhukula zonakalise iibhulorho ebezisetyenziswa xa kusiyiwa apho, nto leyo ebangele ukuba kungakwazi ukuyiwa kumaNgqina angaphezu kwayi-1 300. Umbutho osebenza ngeenqwelo-moya eMozambique unike amaNgqina imvume yokuwisa kulo mmandla izinto zokunceda eziziitoni eziyi-17 esebenzisa inqwelo-ntaka.

EMorrumbala, iibhegi zombona neembewu zombona ziyakhweliswa kuba ziza kusasazwa

Isithethi samaNgqina KaYehova eMozambique, uAlberto Libombo, sithi: “Bekuvuyisa ukubona isisa abantu abanaso ngokuthi bancedise kwiikomiti zoncedo. Iofisi yesebe eseMozambique iyaqhubeka ilungiselela ukuthunyelwa kokutya nokulungiselela ukwakha nokulungisa izindlu. Siza kuqhubeka sisenza konke okusemandleni ethu ukuze siwathuthuzele size siwancede amaxhoba.”

IHolo YoBukumkani yaseChiromo ibisetyenziswa njengeziko lokwexeshana lokusasaza izinto

Media Contact(s):

International: J. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

Mozambique: Alberto Libombo, tel. +258 21 450 500