Yiya kwinkcazelo

APRILI 24, 2024
EMZANTSI AFRIKA

AmaNgqina Amaninzi Ashumayele Ngomyalezo Othuthuzelayo Kubantu Abathetha IsiXhosa EMzantsi Afrika

AmaNgqina Amaninzi Ashumayele Ngomyalezo Othuthuzelayo Kubantu Abathetha IsiXhosa EMzantsi Afrika

Ukususela ngoJanuwari 29 ukuya kuMatshi 11, 2024, abazalwana noodade abangaphezu kwe-11 000 abavela kwiindawo ezahlukeneyo eMzantsi Afrika, baye bashumayela kwintsimi yesiXhosa kwiphulo ebeliseMpuma Koloni. Kweli phondo, kuhlala abantu abayi-7 miliyoni, abaninzi babo bathetha isiXhosa. Xa bekusenziwa eli phulo, abantu abangaphezu kwe-2 700 baye bacela ukuqhutyelwa izifundo zeBhayibhile.

Xa babesentsimini, oodade ababini badibana nebhinqa elaliswelekelwe ngubhuti walo engozini kwiiveki nje ezimbini ezidlulileyo. Eli bhinqa lakhala lixelela aba dade ngokusweleka kobhuti walo, baza balithuthuzela ngokulifundela iSityhilelo 21:3, 4. Eli bhinqa labuza ukuba ziqhutyelwa phi ibe nini iintlanganiso zethu, kuba lalifuna ukwazi okungakumbi ngesithembiso seBhayibhile sokupheliswa kokufa neentlungu. Nalo laqalisa ukufundelwa iBhayibhile.

Udade ekuthiwa nguZukiswa wancokola nebhinqa elaliqaqanjelwa ngamathambo. Le nto yenza kube nzima ukuba liphekele abantwana balo. Kangangokuba lalinexhala lokuba abantwana balo abazukuba nanto yokutya kuba lingenamandla wokuxova isonka. UZukiswa wathi uza kulixovela ngoxa omnye udade encokola nalo ngeBhayibhile. Lamangaliswa kakhulu yindlela abalinceda ngayo, ibe laxelela abahlobo balo abaninzi ngalento babeyenzile aba dade. Emva koko, laqalisa ukufunda iBhayibhile namaNgqina.

Xa babekwindlu ngendlu kwidolophu yaseGqeberha, abazalwana ababini badibana nendoda eyayinqunyulwe umlenze. Le ndoda yathi kudala izibuza ukuba kutheni uThixo evumele uSathana ukuba alawule ihlabathi, nangona abantu bedalwe Nguye. (1 Yohane 5:19) Abazalwana bayiphendula besebenzisa iBhayibhile. Kwangaloo mini, emva kokuba bebukele ividiyo ethi Kutheni UThixo Evumela Ukubandezeleka? le ndoda nenkosikazi yayo yavuma ukuqhutyelwa isifundo seBhayibhile.

Omnye udade owayeshumayela eGqeberha, wacela elinye ibhinqa ukuba lifunde iNdumiso 37:29. Emva kokuba lifunde eBhayibhileni yalo, lathi aliyiva ukuba ithini le vesi. Udade walifundela le vesi kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele yesiXhosa. Eli bhinqa lathi: “Esi siXhosa sisetyenziswe apha kule Bhayibhile sesi sisithethayo. Yeyona ndiyiqondayo kuneBhayibhile yam!” Ngoku lifundelwa iBhayibhile qho.

Sivuya kakhulu kuba abantu abaninzi abathetha isiXhosa baseMzantsi Afrika, belamkela ithemba esilinikwa nguThixo “wayo yonke intuthuzelo” ngeLizwi lakhe, iBhayibhile.—2 Korinte 1:3.