Yiya kwinkcazelo

SEPTEMBA 13, 2019
EMZANTSI AFRIKA

INguqulelo Yehlabathi Elitsha Ikhululwe Ngeelwimi Ezintathu Kwindibano Yezizwe Ngezizwe EMzantsi Afrika

INguqulelo Yehlabathi Elitsha Ikhululwe Ngeelwimi Ezintathu Kwindibano Yezizwe Ngezizwe EMzantsi Afrika

NgoSeptemba 6, 2019, kwindibano yezizwe ngezizwe eyayise-Johannesburg eMzantsi Afrika, kwakhululwa INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele ngesiVenda, ngeAfrikaans nangesiXhosa. Ezi lwimi zithethwa ngabantu abangaphezulu kwe-16 miliyoni apho. Umzalwana uAnthony Morris, olilungu leQumrhu Elilawulayo, wazikhulula ezi Bhayibhile kukho abantu abayi-36 865 eFNB Stadium. Kwakukho nabanye abantu abayi-51 229 ababebukele bekwezinye iindawo eziyi-8, njengaseLesotho, eNamibia naseSaint Helena.

Ethetha ngezinto ezibalaseleyo ngeziBhayibhile, omnye umguquleli wathi: “Ngoku siza kuqala ekuqaleni ukufunda iiBhayibhile zethu, sizifunda ngolwimi esiluva kakuhle!” Omnye umguquleli yena wathi: “Le Bhayibhile intsha iza kusinceda sisondele ngakumbi kuYehova ngoba ilisebenzisa kaninzi ngoku igama likaThixo.”

Ezi Bhayibhile, ziza kubanceda kakhulu abazalwana bethu xa beshumayela. Omnye umguquleli wesiXhosa wathi: “Le Nguqulelo Yehlabathi Elitsha iza kuba luncedo nyhani entsimini. Abantu baza kuyiva kakuhle into efundiswa yiBhayibhile kungakhange kufuneke ukuba kucaciswe igama negama.” Umguquleli weAfrikaans yena wathi: “Ngoku, uvele ufunde nje isibhalo, ize iBhayibhile izicacise ngokwayo.”

Iyasivuyisa into yokuba abazalwana bethu beneeBhayibhile ekulula ukuzifunda nezizakubanceda basondele kuThixo.​—Yakobi 4:8.