Yiya kwinkcazelo

SEPTEMBA 12, 2016
ENAGORNO-KARABAKH

UArtur Avanesyan Uyaxolelwa Ibe Uyakhululwa Entolongweni

UArtur Avanesyan Uyaxolelwa Ibe Uyakhululwa Entolongweni

NgoSeptemba 6, 2016, abasemagunyeni eNagorno-Karabakh ngenxa yokuxolelwa kwamabanjwa, bamkhulula uArtur Avanesyan oneminyaka eyi-20 owayevalelwe kwintolongo yaseShushi. UMnumzana Avanesyan uhleli iinyanga eziyi-26 endaweni yeziyi-30 entolongweni ngenxa yokungavumi kwakhe ukuya emkhosini. Enyanisweni, wayecele ukwenza umsebenzi ongenanto yokwenza nomkhosi, kodwa abasemagunyeni abasihoya isicelo sakhe. Eli tyendyana likuvuyela kakhulu ukuphinda lidibane nentsapho yalo.

AmaNgqina KaYehova akuxabisa kakhulu ukukhululwa kukaMnumzana Avanesyan. Anethemba lokuba abasemagunyeni baza kulihlonela ilungelo lawo lokungavumi ngenxa yesazela sawo, baze banike abafana abaseNagorno-Karabakh eminye imisebenzi engenanto yokwenza nomkhosi kunokuba banyanzelwe ukuba baye emkhosini.