Yiya kwinkcazelo

AGASTI 10, 2016
ENAGORNO-KARABAKH

INagorno-Karabakh Ivalela Entolongweni Ngokungekho Mthethweni Umntu Ongayiyo Emkhosini Ngenxa Yesazela

INagorno-Karabakh Ivalela Entolongweni Ngokungekho Mthethweni Umntu Ongayiyo Emkhosini Ngenxa Yesazela

UArtur Avanesyan oneminyaka eyi-20 kangangeenyanga eziyi-30 uvalelwe kwintolongo ekwiphondo laseShushi, eNagorno-Karabakh nakuba ekulungele ukwenza eminye imisebenzi eyenziwa ngabantu abangayiyo emkhosini. Zonke iinkundla zaseNagorno-Karabakh azivumelani nesazela sakhe.

UMnumzana Avanesyan, oliNgqina likaYehova uthetha ngemigaqo aphila ngayo: “Isazela sam asindivumeli ukuba ndiye emkhosini. Ndiyamthanda ummelwane wam ibe andifuni kulwa, andifuni nokufundiswa ukwenzakalisa omnye umntu.” Waleka ngelithi: “Andizami ukubaleka umsebenzi. Ndingawenza omnye umsebenzi owenziwa ngabantu abangayiyo emkhosini, kodwa andivunyelwa.”

Akuvumelekanga Ukwenza Eminye Imisebenzi Eyenziwa Ngabantu Abangayiyo Emkhosini

NgoJanuwari 29, 2014, uMnumzana Avanesyan wafumana umyalelo wokuba aye kwiAskeran City Military Commissariat eNagorno-Karabakh. Ngosuku olulandelayo, wafaka isicelo echaza ukuba isazela sakhe asimvumeli ukuba aye emkhosini ibe ukulungele ukwenza eminye imisebenzi. Kwakhona wafuna igqwetha kuba wayesazi ukuba eNagorno-Karabakh alikho ilungiselelo lokuba umntu ongafuniyo ukuya emkhosini enze eminye imisebenzi.

Ekubeni uMnumzana Avanesyan enencwadi yokundwendwela yaseArmenia, igqwetha lakhe ladibana nabasegunyeni eArmenia naseNagorno-Karabakh ibe kwabonakala ukuba uMnumzana Avanesyan wayeza kuvunyelwa ukuba asebenze eArmenia. Ngenxa yoko, uMnumzana Avanesyan wafudukela eArmenia. NgoFebruwari 13, 2014, wafaka isicelo sokwenza omnye umsebenzi ngaphandle kokuya emkhosini kwiSebe Lezomkhosi LaseArmenia.

ISebe laseArmenia lemisebenzi eyenziwa ngabo bangayiyo emkhosini alizange limbize uMnumzana Avanesyan, kodwa ngoJulayi 14, 2014, amapolisa aseYerevan, eArmenia, amyalela ukuba aye kwisikhululo samapolisa ibe amapolisa aseNagorno-Karabakh ayemlinde apho. Akhawuleza ambamba aza amgxagxamisa ukusuka eYerevan ukuya eAskeran, eNagorno-Karabakh engakhange abe ayalelwe yinkundla.

Ukubanjwa Nokuxoxwa Kwetyala

NgoJulayi 14, 2014 yayibubusuku bokuqala bokuvalelwa kukaMnumzana Avanesyan, owayeneminyaka eyi-18 ngelo xesha. Xa wayephambi kwenkundla ngosuku olulandelayo, wafumanisa ukuba iNkundla YaseNagorno-Karabakh yayiyalele ukuba avalelwe kungekaxoxwa nelo tyala. Inkundla yema nesigqibo sayo sangaphambili yaza yavalela uMnumzana Avanesyan kwintolongo ekwiphondo laseShushi. Zakhatywa zonke izibheno awazifakayo.

NgoSeptemba 30, 2014, uJaji Spartak Grigoryan weNkundla YaseNagorno-Karabakh wagweba uMnumzana Avanesyan iinyanga eziyi-30 entolongweni ngetyala lokubaleka umkhosi. * UMnumzana Avanesyan wabhena kodwa iNkundla Yezibheno NeNkundla Ephakamileyo YaseNagorno-Karabakh yema nesigwebo sangaphambili. Uza kuvalelwa de ibe nguJanuwari 2017.

Ukungatyhafi Nakuba Izinto Zingenziwa Kakuhle

Elinye kumagqwetha akhe uShane Brady uthi: “UMnumzana Avanesyan wavalelwa, wagwetywa waza wafunyaniswa enetyala ngenxa yeenkolelo zakhe. Nakuba wavalelwa ngokungekho semthethweni, akazange agungqe.” UMnumzana Brady uthi abasemagunyeni entolongweni bayamvumela ngoku uMnumzana Avanesyan ukuba abe neBhayibhile, iincwadi ezisekelwe eBhayibhileni ibe ayayivumela nentsapho yakhe ukuba ize kumbona.

Emva kokuba eye kuzo zonke iindawo zomthetho, uMnumzana Avanesyan wafaka isicelo kwiNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu. Unethemba lokuba izinto ziza kuhamba kakuhle (nangona izinto zinokulunga emva kweenyanga eziliqela ekhululwe) kuba iNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu kangangezihlandlo eziliqela iba kwicala labantu abangayiyo emkhosini ngenxa yezazela zabo. Kwityala likaBayatyan v. Armenia, isiGqeba Esiphezulu seNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu sathi abantu abangayiyo emkhosini ngenxa yesazela bakhuselwa lilungelo lokuba nenkululeko yokucinga, eyesazela neyonqulo. Izigwebo eziye zalandela zeNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu ziye zakugxininisa oku. *

Izigwebo zeNkundla YaseYurophu Elwela Amalungelo Abantu ziye zabangela ukuba lihlonelwe ilungelo labantu abangayiyo emkhosini ngenxa yesazela kwanaxa kukubi okanye kukho imfazwe. Ngokomzekelo, ngoJuni 2015, inkundla ephakamileyo yaseUkraine yathi abantu abangayiyo emkhosini ngenxa yesazela banelungelo lokwenza eminye imisebenzi ebudeni bemfazwe.

Ngaba Likho Ithemba Ngabantu Abangayiyo Emkhosini Ngenxa Yesazela ENagorno-Karabakh?

AmaNgqina KaYehova eNagorno-Karabakh nasehlabathini lonke anethemba lokuba iNagorno-Karabakh iza kuyiqonda into yokuba abantu banelungelo lokungayi emkhosini ngenxa yesazela. Kunokuba abavalele abafana ngenxa yokungayi emkhosini, ngaba urhulumente uza kubavulela ithuba lokwenza eminye imisebenzi? Ngokuliqonda eli lungelo banalo, iNagorno-Karabakh iza kube ithobela imithetho yaseYurophu ibe iza kube iyazihlonela iinkolelo zabafana abanjengoArtur Avanesyan.

^ isiqe. 10 Isigwebo seenyanga eziyi-30 saqala ngokuvalelwa kwakhe ngoJulayi 14, 2014.

^ isiqe. 13 Jonga ityala likaErçep v. Turkey, no. 43965/04, 22 Novemba 2011; elikaFeti Demirtaş v. Turkey, no. 5260/07, 17 Januwari 2012; nelikaBuldu Nabanye v. Turkey, no. 14017/08, 3 Juni 2014.