Yiya kwinkcazelo

AGASTI 25, 2017
ENEPAL

Izikhukula Namatye Awa Ezintabeni Zimosha INepal

Izikhukula Namatye Awa Ezintabeni Zimosha INepal

ENepal, kwabakho imvula enkulu nenomoya eyenza izikhukula, yawisa namatye asezintabeni. Yashiya abantu abaninzi bengenamakhaya, kwasweleka abangaphezu kwe140. Ezi zikhukula zaye zamosha iindlela neentambo zombane, nto leyo eyenza kwanzima ukunceda.

Iofisi yesebe lamaNgqina KaYehova aseJapan, nejongene nomsebenzi owenziwa ngamaNgqina aseNepal ithi akuzange kubekho maNgqina onzakalayo okanye aswelekayo. KumaNgqina KaYehova, ziintsapho ezine ezanyanzeleka ukuba ziphume kumakhaya azo amoshwe zezo zikhukula. Ezo ntsapho zancedwa ngamanye amaNgqina alapho.

Onokuqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EJapan: UIchiki Matsunaga, +81-46-233-0005

ENepal: UReuben Thapaliya, +977-9813469616