Yiya kwinkcazelo

FEBRUWARI 22, 2023
ENIGERIA

IZibhalo ZamaKristu ZesiGrike Zikhululwe NgesiPidgin (SaseNtshona Afrika) Nesi-Urhobo

IZibhalo ZamaKristu ZesiGrike Zikhululwe NgesiPidgin (SaseNtshona Afrika) Nesi-Urhobo

NgoFebruwari 12, 2023, uMzalwana uJeffrey Winder, weQumrhu Elilawulayo, wakhulula iNguqulelo YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ngolwimi lwesiPidgin (saseNtshona Afrika) nesi-Urhobo. Olu cwangciso belubukelwe ngabantu abayi-559 326 emabandleni aseNigeria. Emva kokuba ikhululwe, abantu bayifumana ngokukhawuleza kwiithablethi nakwiifowuni. Iikopi eziprintiweyo ziza kufumaneka ekupheleni kuka-2023.

Ibandla lokuqala lesiPidgin (saseNtshona Afrika) lamiselwa ngo-2015. Ngoku, kukho amabandla angaphezu kwe-1 100 eNigeria athetha ulwimi lwesiPidgin (saseeNtshona Afrika) nakwamanye amazwe, njengaseNgilani naseMerika. Ngaphambili, amabandla ayeneBhayibhile enye yesiNgesi, iNguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele. Omnye umzalwana wathi: “Ngaphambili kwakungekho lula ukushumayela ngesiPidgin uze ufunde iBhayibhile ngesiNgesi. Ngamanye amaxesha umninimzi wayengayiqondi into esiyifundayo. Ngoku siza kushumayela ngesiPidgin size sifunde iBhayibhile yesiPidgin. Intshumayelo yethu iza kuvakala kakuhle kuba siza kube sifunda iBhayibhile ngolwimi aluvayo umninimzi.”

Incwadana yokuqala ukukhululwa ngesi-Urhobo ethi, Living in Hope of a Righteous New World

Ibandla lokuqala lesi-Urhobo lamiselwa ngo-1933. Ngo-1968 abazalwana baguqulela ngesi-Urhobo incwadana yokuqala ethi, Living in Hope of a Righteous New World. Ngoku amabandla athetha isi-Urhobo ayi-103. Ukukhululwa kweNguqulelo YeZibhalo ZamaKristu ZesiGrike ekulula ukuyifunda kuza kuba yintsikelelo emabandleni.

Sithandazela ukuba ezi nguqulelo zincede abantu abaninzi ‘bakwazi ngendlela echanileyo ukuthanda kukaThixo.’—Kolose 1:9