Yiya kwinkcazelo

FEBRUWARI 15, 2019
EOSTRELIYA

IQueensland, EAustralia Igcwele Ngamanzi Ngenxa Yezikhukula Eziyingozi

IQueensland, EAustralia Igcwele Ngamanzi Ngenxa Yezikhukula Eziyingozi

Imvula enkulu ibangele izikhukula kumntla-mpuma weAustralia. Ziye zanyanzela abantu abaninzi ukuba bashiye amakhaya abo ibe zimoshe nezindlu zaza zacima nombane.

Iofisi yesebe yaseAustralasia ithe, emva kwezi zikhukula, kuye kwafuneka abavakalisi abayi-58, abasuka kumabandla amathathu, bayokuhlala kwiintsapho zabo okanye kwamanye amaNgqina. Amakhaya alishumi abazalwana ebegcwele ngamanzi, kanti amabini awile.

Isebe liye lathumela ikomiti enceda xa kwehle iintlekele waza umveleli wesiphaluka nabadala bamabandla akufutshane, bakhuthaza abavakalisi. Sithandazela ukuba abazalwana noodadewethu banyamezele baze bathuthuzeleke njengoko abalusi ababathandayo bebanceda.—1 Petros 5:2.