Yiya kwinkcazelo

FEBRUWARI 15, 2013
EOSTRELIYA

AmaNgqina KaYehova Anceda Abantu Abaye Bangamaxhoba Ezikhukula EOstreliya

AmaNgqina KaYehova Anceda Abantu Abaye Bangamaxhoba Ezikhukula EOstreliya

ESYDNEY—Izikhukula zithwaxe impuma yeOstreliya njengoko iSitshingitshane uOswald sibangele inkanyamba, amaza amakhulu, izandyondyo zemvula eQueensland nakumantla eNew South Wales. Bane kuphela abantu abaye bafa, yaye abangaphezu kwe-1 000 baye bafuduswa kumakhaya abo. Idolophu ethwaxeke kakhulu yeyaseBundaberg, ngakunxweme olusembindini weQueensland, kuba eso saqhwithi asanelanga nje ukubangela ezona zikhukula zakha zankulu kule nkulungwane, kodwa senze kwabakho neenkanyamba ezintlanu.

Iofisi yesebe yamaNgqina kaYehova eSydney ithi akukho maNgqina aye afa okanye onzakala. Sekunjalo, eBundaberg kuye konakala imizi yamaNgqina eyi-53, nto leyo eshiye amaNgqina angaphezu kwayi-70 engenamakhaya. Amanye kulawo aye afuduswa kumakhaya awo nahlangulwe ngenqwelo ntaka, ahlala kubamelwane nakumaNgqina asekuhlaleni.

Abadala basekuhlaleni baye baseka ikomiti yokunikela uncedo. Kummandla waseBundaberg, amaNgqina angaphezu kwayi-250 aye ancedisa ngokuzithandela, amanye ehamba umgama oziimayile ezingaphezu kwe-100 ukuya kunceda.

Ungafowunela:

Okwenzeka ehlabathini: UJ. R. Brown, okwiOfisi Yenkcazelo kule nombolo +1 718 560 5000

Okwenzeka eOstreliya: UDonald MacLean kule nombolo +61 2 9829 5600