Yiya kwinkcazelo

APRILI 6, 2017
EOSTRELIYA

Isitshingitshane Esikhulu Esibizwa Ngokuba NguDebbie Sonakalisa iOstreliya

Isitshingitshane Esikhulu Esibizwa Ngokuba NguDebbie Sonakalisa iOstreliya

NgoLwesibini, ngoMatshi 28, 2017, isitshingitshane esikhulu esibizwa ngokuba nguDebbie sihlasele unxweme lwakumntla weQueensland neziqithi ezikufuphi, sinomoya obhudlayo oziikhilomitha eziyi-260 ngeyure. Esi sitshingitshange siwise imithi, sonakalisa izakhiwo nezikhephe zayokufikelela ngaselunxwemeni kulwandle lwedolophu. Isitshingitshane esibizwa ngokuba nguDebbie sibangele amanzi amaninzi kakhulu kwizixeko nakwiidolophu ezikumzantsi weQueensland nakumntla weNew South Wales, sishiya abantu abangamawawaka kungekho nto banokuyenza.

Iingxelo ebezikhutshwe kuqala zibonisa ukuba awekho amaNgqina KaYehova onzakeleyo okanye abulawe sesi sitshingitshane. Sekunjalo, sonakalise amakhaya amaNgqina amaninzi saza satshabalalisa elinye lala makhaya. IiHolo zoBukumkani ezimbini nazo ziye zonakala.

Iofisi yesebe yamaNgqina KaYehova eseOstreliya iye yenza ilungiselelo lokuba kubekho iikomiti ezincedayo xa kwehle intlekele, zincede ngoomatshini bokuvelisa umbane, ngokutya nangamanzi ebantwini abahlala kwiindawo eyenzeke kuzo le ntlekele. AmaNgqina asekuhlaleni athuthuzela amanye ngeBhayibhile.

IQumrhu Elilawulayo lamaNgqina KaYehova, likwikomkhulu lehlabathi linceda abantu abehlelwe yintlekele, lisebenzisa iminikelo yokuxhasa umsebenzi wokushumayela.

Ongaqhagamshelana Nabo:

Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000

EAustralasia: URodney Spinks, +61-2-9829-5600