Yiya kwinkcazelo

JANUWARI 21, 2015
EPOLAND

Abasindayo Kwintolongo YaseAuschwitz Baza Kubhiyozela Iminyaka Eyi-70 Yenkululeko NamaNgqina KaYehova Aza Kube Ekhunjulwa

Abasindayo Kwintolongo YaseAuschwitz Baza Kubhiyozela Iminyaka Eyi-70 Yenkululeko NamaNgqina KaYehova Aza Kube Ekhunjulwa

KWISIXEKO saseWarsaw, ePoland—NgoJanuwari 27, 2015, amawaka-waka abantu aza kube ezokuzimasa umbhiyozo weminyaka eyi-70 yenkululeko yabo babevalelwe kwintolongo yaseAuschwitz yamaNazi aseJamani. Kule ntolongo kwakungayi zibuyayo, yayisetyenziselwa ukucim’ igama iintlanga ezazingafunwa ngamaNazi, yaye kuyo kwakutshutshiswa namaNgqina kaYehova.

Lo mcimbi uququzelelwa yiAuschwitz-Birkenau State Museum neInternational Auschwitz Council. Kuza kube kukho uBronisław Komorowski ongumongameli wasePoland kunye nezinye izidwesha ezisuka kwamanye amazwe. Lo mcimbi uza kusasazwa nakwi-intanethi.

Le ntolongo ikummandla waseOświęcim ePoland, isixeko esaba phantsi kwamaNazi ebudeni beMfazwe Yehlabathi Yesibini. Ekuqaleni, yayiyinkampu yoxinaniso okanye intolongo yamaJamani yaye ngoJuni ka-1940 kwakusele kuvalelwe amabanjwa amalunga nayi-700 asePoland. Yanda ngokukhawuleza yaneenkampu ezingaphezu kweziyi-40 zokuvalela amabanjwa. Kwakukho namagumbi amane ekwakufakwa kuwo amabanjwa amalunga nayi-20 000 ngosuku, aze atyhefwe ngerhasi! Kunokwenzeka ukuba ebudeni beminyaka emihlanu ikho le ntolongo, kwathothoza abantu abayi-1.1 miliyoni kunye namaNgqina kaYehova angaphezu kwayi-400.

Iwebhsayithi yeAuschwitz-Birkenau State Museum ithi: “Akukho zincwadi zakudala zithetha kangako ngamaNgqina kaYehova (okanye Abafundi BeBhayibhile njengokuba ayebizwa njalo) avalelwa ngenxa yokholo lwawo. Kufuneka yaziwe into yokuba anyamezela aza ahlala ethembekile phantsi kweemeko ezingaginyisi-mathe.” Iingxelo zibonisa ukuba amaNgqina kaYehova ayephakathi kwamabanjwa okuqala ukuthothoza kule ntolongo, okubuhlungu kukuba angaphezu kwayi-35 pesenti afela apho.

UAndrzej Szalbot: Ngo-1943 wavalelwa ngamaNazi waza wasiwa eAuschwitz kuba engazange avume ukuya emkhosini.

Kwangeminyaka yoo-1933 urhulumente wamaNazi wayesele ewajonge ngezikhondo zamehlo amaNgqina kaYehova wade wavala nentlangano yawo kulo lonke elaseJamani. Iinkolelo zamaNgqina zazingqubana nezamaNazi. Ngokomzekelo amaNgqina ayengamkhahleli uHitler wamaNazi, kuba ekholelwa ukuba oko kuya kuthetha ukuba akathembekanga kuThixo. Kwakhona ayesala ukwenza nantoni na edibene nomkhosi wemfazwe, loo nto ke ifana nqwa nokuwanyol’ esweni amaNazi. UAndrzej Szalbot owavalelwa eAuschwitz ngo-1943 elityendyana nje elina-19 uthi: “Kwakungaxoxwa nokuxoxwa xa ungafuni ukuya emkhosini wawuthothoziswa kwesimnyama.” AmaNgqina kaYehova ayehlala ethenjiswa ngenkululeko, ukuba nje anokutyobela uxwebhu oluthi akasafuni kuba ngamaNgqina yaye iimfundiso zawo zibubuxoki. Lo kaSzalbot wala ukutyobela olo xwebhu.

AmaNgqina kaYehova ayethenjiswa ngenkululeko ukuba nje angatyobela olu xwebhu.

Iingxelo zamaNazi zibhekisa kumaNgqina kaYehova njenge-“IBV,” aba nobumba basisishunqulelo segama lentlangano yawo, xa liphelele eli gama ngesiJamani lithi, Internationale Bibelforscher-Vereinigung, ngesiNgesi lithi, International Bible Students Association. AmaNazi ayefuna amaNgqina anxibe oonxantathu abamfusa. Amanye amaNgqina ayewabona ngaloo nxantathu abazalwana bawo. Ayedibana ngengokuhlwa nganye ukuze akhuthazane. Kwakudityanelwa emfihlekweni namabanjwa ayenomdla eBhayibhileni. Uninzi lwawo lwaba ngamaNgqina kaYehova ngoxa ekule ntolongo.

Ngentsasa yangoMgqibelo, ngoJanuwari  27, 1945, umkhosi weSoviet Union waseRashiya wagaleleka ufun’ undikho eOświęcim. Ngentsimbi yesithathu emva kwemini, kwakusele kukhululwe amabanjwa amalunga nayi-7 000 kwiinkampu ezintathu iAuschwitz I, iAuschwitz II (eBirkenau), neAuschwitz III (eMonowitz).

UStanisław Zając. Wavalelwa eAuschwitz ngoFebruwari 16, 1943.

UStanisław Zając oliNgqina likaYehova, wayephakathi kweso sihlwele esagxothwa kwinkampu eseAuschwitz. Lo kaZając nabanye abamalunga nabayi-3 200 bemka kwinkampu ekuthiwa yiJaworzno baza bahamba kwindlela eyayinekhephu elininzi. Kuqikelelwa ukuba bangaphantsi kwe-2 000 abasindayo kolo hambo lweentsuku ezintathu oluya kwenye intolongo eseBlechhammer. Xa ebalisa ngedabi elaligquba ngelo xesha ngoxa yena nabanye besazimele, lo kaZając uthi: “Sasiziva iinkanunu kodwa singenasibindi sokukroba ukuba zezeliphi icala. Ngentsasa elandelayo, safumanisa ukuba zezaseRashiya. . . . Umkhosi waseRashiya wawuzalise yonke indawo uzama ukuqhushumbisa le ntolongo sasikuyo, yabe ke iphela ngolo hlobo intlungu yokuba senkampini.”

Kulo nyaka, ngoJanuwari 27, kuza kubakho imiboniso ehlabathini lonke yalo mbhiyozo weminyaka eyi-70 yenkululeko yentolongo yaseAuschwitz.

Fowunela:

UJ. R. Brown, Office of Public Information, tel. +1 718 560 5000

EJamani: UWolfram Slupina, tel. +49 6483 41 3110

EPoland: URyszard Jabłoński, tel. +48 608 555 097