Yiya kwinkcazelo

JULAYI 5, 2019
EPORTUGAL

ELisbon, EPortugal—2019 “Uthando Alusoze Luphele”! Indibano yezizwe ngezizwe

ELisbon, EPortugal—2019 “Uthando Alusoze Luphele”! Indibano yezizwe ngezizwe
  • Umhla: Juni 28-30, 2019

  • Indawo: ESport Lisboa e Benfica Stadium esiseLisbon, ePortugal

  • Iilwimi Ebiqhutywa Ngazo Indibano: IsiNgesi, isiPhuthukezi (Portugal), intetho yezandla yesiPhuthukezi, iSpanish

  • Abantu Ababekhona: 63 390

  • Abantu Ababhaptiziweyo: 451

  • Iindwendwe Ezisuka Kwamanye Amazwe: 5 300

  • Iindawo Ezimenyiweyo: IAngola, iAustralasia, iBrazil, iKhanada, iCentral America, iGhana, i-Indiya, iMozambique, iSenegal, iSpeyin, iMerika, iVenezuela

  • Izinto Ezathethwa Ngabantu Basekuhlaleni: UMnu. Santos wayeqhuba enye yeebhasi ezazihamba iindwendwe. Xa wamenyelwa endibanweni ngomnye okwalapha ebhasini, uMnu. Santos wathi: “Ndiyafuna ukuza. Oko ndiqale ukusebenza nani, ndiziva ndiseluxolweni ngendlela endingayaziyo. Andazi nam ukuba njani, kodwa nini abandenza ndizive kanje. Kakade ndiza kube ndise-stadium imini yonke, ndiza kuya.” Emva kokuba ebuyile endibanweni, uMnu. Santos wathi uye waluthanda ucwangciso. Usuka kwindawo engaphandle kwaseLisbon. Xa ebesendibanweni, uye wadibana nomzalwana ohlala kufutshane nalapho ahlala khona. Wavuma ukuba angadibana nalo mzalwana xa begodukile.

 

Abazalwana noodade babulisa iindwendwe ezisandokufika eairport

Kufika iindwendwe kwiofisi yesebe lasePortugal bezokuyibuka

UMzalwan’ uGeoffrey Jackson, weQumrhu Elilawulayo unikela intetho yokuvala usuku lokuqala lwendibano

Kuculwa ngentetho yezandla yesiPhuthukezi

Omnye woodade abebebhaptizwa

Udade omncinci ufota ecaleni kwefoto kaSihle noAvela

Iindwendwe zicula ingoma yokuvala indibano

Abazalwana noodade abakwinkonzo yexesha elizeleyo ekhethekileyo bayabhabhayisa ekupheleni kwendibano

Iindwendwe zishumayela ngetroli nomzalwana wasekuhlaleni

Abazalwana noodade basekuhlaleni bayadanisa ukuze bonwabise iindwendwe

Abazalwana noodade abaye bonwabisa iindwendwe babhabhayisa ababukeli