SEPTEMBA 21, 2017
EPUERTO RICO
Ingxelo NgeNkanyamba UMaria
NgoLwesithathu, ngoSeptemba 20, 2017, iNkanyamba uMaria, eyesihlanu ngobukhulu ukuntlitha iMerika, ibangele umonakalo omkhulu ePuerto Rico. Ngenxa yaloo nto akukho mbane kwesi siqithi ibe urhulumente ukhuphe umyalelo othi abantu mabahlale ezindlini emva ko-6, emva kwemini.
Akukho bazalwana bonzakeleyo okanye baswelekileyo ngenxa yale nyikima. Amalungiselelo okunceda ayaqhubeka. Abazalwana baza kusebenzisa iHolo yoBukumkani engonakalanga ukuze kuhlale abantu baze bancede abantu.
IBheteli yaseSan Juan ayonakalanga kakhulu. Bonke abazalwana abakule bheteli bakhuselekile. Okwangoku akukho intanethi kule bheteli ibe kusetyenziswa ijenereyitha.
Siqinisekile ukuba abazalwana baza kuthuthuzeleka kukuncedwa yintlangano kaYehova.—2 Korinte 1:3
Onokuqhagamshelana Naye:
Ehlabathini: UDavid A. Semonian, Office of Public Information, +1-845-524-3000