Yiya kwinkcazelo

Ukusuka ekhohlo ukuya ekunene: UMzalwana uAleksey Budenchuk, uAleksey Miretskiy, uFeliks Makhammadiyev, uGennadiy German noRoman Gridasov

FEBRUWARI 24, 2020
ERASHIYA

Abazalwana Banceda AmaNgqina Abethiweyo Kwitrongo YaseRashiya

Abazalwana Banceda AmaNgqina Abethiweyo Kwitrongo YaseRashiya

Emva kokuva iindaba ezithi abazalwana abahlanu ababanjiweyo babethiwe eOrenburg, eRashiya, abazalwana baloo dolophu baya kubo ngoko nangoko ukuze babancede. Abazalwana ababanjiweyo nguAleksey Budenchuk, uGennadiy German, uRoman Gridasov, uFeliks Makhammadiyev, noAleksey Miretskiy. Aba bazalwana basuka eSaratov, indawo engaphezu kweekhilomitha eziyi-800 ukusuka eOrenburg.

UMzalwana uFeliks Makhammadiyev uncumile emva kweeveki eziphantse zibe mbini ebethwe ngoonogada basetrongweni, unxibe isilamba esigqume imivumbo yokubethwa

NgoFebruwari 15, 2020, iindaba ezikwi-intanethi zathi oonogada betrongo ekuthiwa yiPenal Colony No. 1, eOrenburg babethe ngeenduku abazalwana abahlanu baseSaratov. Emva kokuba abazalwana noodadewethu baseOrenburg befunde ezo ndaba, baya kuloo trongo. Baba nesibindi baza bazichaza ukuba bangamaNgqina KaYehova, bezibeka engozini yokubanjwa. Babuza oonogada ukuba bonzakele kangakanani aba bazalwana bahlanu. Kuba uMzalwana uMakhammadiyev wayengoyena wonzakele de wasiwa esibhedlele, bafuna ukuqonda ukuba usaphila na. Bathetha noonogada phantse iiyure ezimbini.

Enye into eyenziwe ngaba bazalwana baseOrenburg kukuqhubeka benceda aba bazalwana babanjiweyo, abafazi babo namagqwetha abo. Bababhalela neeleta ezikhuthazayo qho, ibe babanike nemali ukuze bathenge ukutya okusempilweni abangakunikwayo etrongweni.

Indlela abazincame ngayo abazalwana noodade nababonise ngayo ukuba bayabathanda abazalwana babo ibonise abantu abasebenza etrongweni ukuba bakhonza uThixo. Babone indlela amaNgqina KaYehova abakhathalele ngayo abazalwana babo kwanabo basuka kwiindawo ezikude nabangazange badibana nabo.

Kuyasikhuthaza ukuva ukuba abazalwana bethu bathobela icebiso elikumaHebhere 13:3 elithi: “Hlalani nibakhumbula abo bavalelwe ejele ngokungathi nivalelwe nabo, nibakhumbule nabo baphethwe kabuhlungu, kuba nikumzimba omnye nabo.”