Yiya kwinkcazelo

UMzalwana uIgor Avramenko, osandokusweleka nenkosikazi yakhe uYelena

MATSHI 30, 2020
ERASHIYA

Amagosa E-FSB Agqogqe Ikhaya Lomzalwana Oswelekileyo ERashiya Aza Amosha Izinto Ezininzi

Amagosa E-FSB Agqogqe Ikhaya Lomzalwana Oswelekileyo ERashiya Aza Amosha Izinto Ezininzi

NgoMatshi 23, 2020, eKhabarovsk, eRashiya, amagosa eFederal Security Services (FSB) agqogqe ikhaya likaMzalwana uIgor Avramenko engakhathali kwiintsuku ezintandathu emva kokuba esweleke yintliziyo. La magosa amoshe izinto ezininzi. Abaphandi bebephethe amaphepha anegama likaMzalwana uAvramenko abonisa ukuba banemvume yokugqogqa izinto zakhe, kodwa bathathe ikhompyutha, ikhamera nezinye izinto zenkosikazi yakhe, uYelena oswelekelwe ngumyeni.

Kusasa ngaloo mini, amapolisa aya emsebenzini kaDade Avramenko aza amthatha amsa kwakhe. Ukufika kwabo, umphandi ophetheyo uStanislav Grebenkin, wambonisa amaphepha abonisa ukuba banemvume yokugqogqa. UDade Avramenko waxelela uMnumzana uGrebenkin ukuba umyeni wakhe uswelekile. Wathi uyayazi loo nto, kodwa kufuneka baqhubeke bagqogqe kuba imvume yokugqogqa ikhutshwe ngaphambi kokuba bayazi ukuba uMzalwana uAvramenko uswelekile.

Lo mphandi wathi kuDade Avramenko baza kujonga njee ukuze bakwazi “ukukhawuleza balivale ityala baze bafake ingxelo efayileni yeFSB.” Kodwa bagqogqa yonke into baza bamosha izinto ezininzi.

EKhabarovsk, amaNgqina alishumi aye atyholwa ngokwaphula umthetho. Nangona urhulumente ezama ukwenza abazalwana noodadewethu baseRashiya bayeke ukuba nokholo, siyayazi ukuba baza ‘komelela ukuba bahlala bezolile yaye bemthemba’ uTata wethu osithandayo, uYehova.​—Isaya 30:15.