Yiya kwinkcazelo

Ukusuka ekhohlo ukuya ekunene phezulu: UMzalwana uVladimir Kochnev nomfazi wakhe, uGalina; UMzalwana uVladislav Kolbanov. Ezantsi: UMzalwana uPavel Lekontsev nomfazi wakhe, uOksana; UMzalwana uSergey Logunov nomfazi wakhe, uLarisa; UMzalwana uNikolay Zhugin nomfazi wakhe, uGalina

OKTOBHA 1, 2021 | INGXELO: AGASTI 29, 2023
ERASHIYA

INGXELO—ABAZALWANA ABAGWETYIWEYO | Abazalwana Abahlanu Bazimisele Ukunyamezela Nangona Betshutshiswa

INGXELO—ABAZALWANA ABAGWETYIWEYO | Abazalwana Abahlanu Bazimisele Ukunyamezela Nangona Betshutshiswa

NgoAgasti 28, 2023, iNkundla YasePromyshlenniy eOrenburg igwebe uMzalwana uVladimir Kochnev, uVladislav Kolbanov, uPavel Lekontsev, uSergey Logunov, noNikolay Zhugin. Aba bazalwana bafumene isigwebo sokuvalelwa ixesha eliphakathi kweminyaka emini neenyanga eziyi-6, neminyaka emithathu neenyanga eziyi-6. Okwangoku, abazukuvalelwa.

Amaxesha

  1. NgoMatshi 1, 2021

    Emva kokuba kugqithe unyaka ityala libuyiselwe kumtshutshisi, liphinde labuyiselwa kwiNkundla yasePromyshlenniy eOrenburg

  2. NgoJanuwari 14, 2020

    Eli tyala laye labuyiselwa kumtshutshisi kuba le nto babetyholwa ngokuba bayayenza abazalwana yayingavakali ncam

  3. NgoAgasti 3, 2018

    Emva kweentsuku eziyi-79, uVladimir wakhululwa waza wayokuvalelwa kwikhaya lakhe

  4. NgoMeyi 16, 2018

    Abasemagunyeni bagqogqe amakhaya eentsapho eziyi-19 kummandla waseOrenburg. Umzalwana uVladimir noVladislav basiwa kwindawo ekuvalelwa kuyo abantu okwexeshana. Emva kweentsuku ezintathu, uVladislav wakhululwa waza wayokuvalelwa kwikhaya lakhe

  5. NgoMeyi 14, 2018

    IKomiti yaseRashiya kummandla waseOrenburg ivule ityala labazalwana abayi-5

Ubomi Babo

Nangona sekuyiminyaka engaphezu kwemithathu liqalile eli tyala laba bazalwana ngenxa yezinto abazikholelwayo, kuyabonakala ukuba bazimisele ukuhlala bethembekile kuYehova. Icacile ukuba uYehova usoloko ebaxhasa.—2 Samuweli 22:26.