Yiya kwinkcazelo

Udade Anna Safronova

NGOJANUWARI 28, 2022
ERASHIYA

INGXELO | UAnna Safronova Ugwetywa Iminyaka Eyi-6 Etrongweni

Esi Sesona Sigwebo Side Nesinzima Esikhe Safunyanwa Ngudade Ukususela Oko Kwavalwa Umsebenzi WamaNgqina Ngo-2017

INGXELO | UAnna Safronova Ugwetywa Iminyaka Eyi-6 Etrongweni

NgoApril 14, 2022, iNkundla yakwiNgingqi yaseAtrakhan ayisamkelanga isicelo sokubhena sikadade Anna Safronova. Usesetrongweni.

NgoJanuwari 25, 2022, iNkundla yaseTrusovskiy eseAstrakhan yagweba uDade ona-56 uAnna Safronova iminyaka eyi-6 esetrongweni. Wathathwa ngelo xesha wayokuvalelwa.

Izinto Ezenzekileyo

  1. NgoMeyi 28, 2021

    Ityala lakhe laqalisa ukuxoxwa

  2. NgoJuni 2, 2021

    Abasemagunyeni bagqogqa ikhaya lakhe apho ahlala nomama wakhe oneminyaka eyi-81. UAnna wathathwa wayokuvalelwa

  3. NgoJuni 3, 2021

    Wakhululwa etrongweni wavalelwa endlini. Wayengavumelekanga ukuba ashiye ikhaya lakhe ngaphandle kwaxa ezihambela umgama ongangeyure usuku ngalunye ukusuka ngo-9:00 ekuseni de kube ngu10:00 kwasekuseni.

  4. NgoJuni 10, 2021

    Wabhalwa kwincwadi yabantu ekuthiwa benza umsebenzi oyingozi yaza iakhawunti yebhanki yakhe yavalwa

  5. NgoJanuwari 24, 2022

    Wathi kumazwi akhe okugqibela phambi kwenkundla: “UYesu wafundisa abalandeli bakhe kuMateyu 5:44 esithi, ‘Zithandeni iintshaba zenu, nibathandazele nabo banitshutshisayo.’ Kwakutheni ukuze atsho? Kungenxa yokuba baninzi abantu ababetshutshisa abanye ababa ngabakhonzi bakaYehova.

    “Ndithandazela ukuba noba ngumntu omnye osebenza kwiFSB, ongumphandi, ongunogada, oligqwetha, nabanye abandivayo nabandibonayo namhlanje batshintshe indlela abawajonga ngayo amaNgqina kaYehova . . . Mhlawumbi noba ngumntu omnye kubo, abe nomdla wokufunda iBhayibhile, afumane iimpendulo kwimibuzo yakhe. Abe nomdla wokukhonza uThixo.”

  6. NgoJanuwari 25, 2022

    Wagwetywa iminyaka eyi-6 waza wavalelwa etrongweni

Igama

Abazalwana noodade wethu abathembekileyo baseRashiya naseCrimea bayasikhuthaza ibe sitsho sijonge kuYehova uTata wethu wasezulwini ukuze asincede sinyamezele.—2 Tesalonika 1:4.

a Kwancokolwa naye ngaphambi kokuba ayokuvalelwa.