Yiya kwinkcazelo

FEBRUWARI 14, 2020
ERASHIYA

INkundla YaseRashiya Ibafumanise Benetyala UMzalwana NoDade Popov, Ithe Mababhatale

INkundla YaseRashiya Ibafumanise Benetyala UMzalwana NoDade Popov, Ithe Mababhatale

NgoFebruwari 14, 2020, iNkundla Yedolophu IVilyuchinsk ibafumanise benetyala uMzalwana uMikhail Popov nenkosikazi yakhe, uDade Yelena Popova. Inkundla ithe uMzalwana uPopov makabhatale iiruble eziyi-350 000 (iidola eziyi-5 508 zaseMerika) yaza yathi uDade Popov yena makabhatale iiruble eziyi-300 000 (iidola eziyi-4 722 zaseMerika). Kodwa abakhange bagwetyelwe ukuhlala etrongweni. Bobabini baza kubhena.

UMikhail noYelena babanjwa ngoJulayi 2018. Khange kube kudala emva koko bakhululwa baza bayokulinda ukuxoxwa kwetyala labo.

Ukususela ngo-2019, iinkundla zaseRashiya zifumanise amaNgqina KaYehova ayi-28 enetyala ngenxa yokholo lwawo. Abazalwana noodade abalishumi kula maNgqina basandokufunyaniswa benetyala kwezi nyanga zimbini zidlulileyo. Kodwa, aba bazalwana noodade abavalelwanga etrongweni.