Yiya kwinkcazelo

MATSHI 25, 2020
ERASHIYA

Kokokuqala Inkundla YaseRashiya Isikhaba Isigqibo SeNkundla Engezantsi. AmaNgqina Ayi-6 Asiwinile Isibheno

Kokokuqala Inkundla YaseRashiya Isikhaba Isigqibo SeNkundla Engezantsi. AmaNgqina Ayi-6 Asiwinile Isibheno

NgoMatshi 25, 2020, iNkundla YeNgingqi YasePenza isikhabile isigqibo sokugwetywa kukaMzalwana uVladimir Alushkin, uVladimir Kulyasov, uAndrey Magliv, uDenis Timoshin, nooDade ababini uTatyana Alushkina noGaliya Olkhova. Ityala labo liza kuphinda lixoxwe.

UMzalwana uAlushkin uza kukhululwa etrongweni kwiintsuku nje ezimbalwa kuba besiwinile isibheno. Kodwa kukho izinto abangazuvunyelwa bazenze njengokuhamba, ekubeni belinde kuphinde kuxoxwe ityala.