SEPTEMBA 4, 2019
ERASHIYA
UMzalwan’ uValeriy Moskalenko Ukhululwe Etrongweni
NgoSeptemba 2, 2019, iZheleznodorozhniy District Court yaseKhabarovsk, eRashiya ikhuphe isigwebo. Ithe uMzalwan’ uValeriy Moskalenko makenze imisebenzi yokunceda abantu iminyaka emibini eneenyanga ezimbini emva koko uza kukhe agadwe kangangeenyanga ezintandathu. Akuzufuneka aphinde ayokuhlala ejele.
Emva kokuba kuchaziwe isigwebo sakhe, uMzalwan’ uMoskalenko wakhululwa etrongweni. Yonwaba intsapho nabahlobo bakhe kuba oko wayesetrongweni ukuqala ngoAgasti 2, 2018. Ngaphambi kokuba avalelwe, wayesebenza kwiitrain ehoye nomama wakhe ogulayo. Ngeza nyanga zintandathu aza kube egadwe ngazo, akufunekanga aye kwindawo engekho seKhabarovsk futhi kufuneka qho ngenyanga aye kubantu bomthetho ukuze baqiniseke ukuba akenzi nto engekho semthethweni.
Ngo-Agasti 30, uMzalwan’ uMoskalenko uye wathetha enkundleni. Phakathi kwezinto azithethileyo, uye wathi: “Andisoze ndenze izinto ezingavumelani nento uThixo ayifunayo ebhalwe ngokucacileyo eBhayibhileni. Ibe nokuba inkundla ingandigweba kanjani, nokuba ingandigweba ngokundibulala, andisoze ndimshiye uMdali wezinto zonke, uYehova uThixo”
UYaroslav Sivulskiy, ummeli osuka kuMbutho WamaNgqina KaYehova eYurophu, uthi: “Asivumelani nento yokuba sinetyala kodwa siyavuya kuba uValeriy eza kugoduka.”
Kukho nabazalwana abasixhenxe abaseKhabarovsk abalindele ukuva ukuba baza kugwetywa njani.
Siyambulela uYehova kuba uMzalwan’ uMoskalenko eye akagungqa elukholweni lwakhe naxa ebevalelwe. Sithandazela ukuba uYehova aqhubeke ebanika amandla bonke abazalwana noodade abanyamezele ukutshutshiswa ngenxa yokholo lwabo.—Isaya 40:31.