MATSHI 1, 2024
ERASHIYA
UMzalwana UAleksandr Chagan Ugwetywe Iminyaka Eyi-8 Etrongweni
NgoFebruwari 29, 2024,iNkundla iTsentralniy yaseTolyatti kwiNgingqi yaseSamara igwebe uMzalwana uAleksandr Chagan iminyaka eyi-8 etrongweni. Uye wavalelwa xa ephuma enkundleni.
Ingxelo
Siza kuqhubeka sithandazela ukuba uYehova aqhubeke ‘ekhanyisa ubuso bakhe’ kuAleksandr nakubo bonke abo bazimisele ukulimela igama Lakhe.—INdumiso 119:135, 139.
Ixesha
NgoMatshi 4, 2022
Kugqogqwa ekhayeni lakhe
NgoSeptemba 14, 2022
Kuqaliswa ityala
NgoSeptemba 21, 2022
Kugqogqwa ekhayeni lakhe okwesibini
NgoSeptemba 22, 2022
Ubuzwa imibuzo aze agcinwe etrongweni ubusuku bonke
NgoSeptemba 23, 2022
Uyakhululwa etrongweni aze angavunyelwa ukuba aye kwezinye iindawo
NgoAgasti 23, 2023
Kuqaliswa ukuxoxwa kwetyala
NgoFebruwari 29, 2024
Wabanjwa wagwetywa iminyaka eyi-8 etrongweni
a UMzalwana uChagan uwathethe la mazwi ngaphambi kokuba asiwe etrongweni.