Yiya kwinkcazelo

UMzalwana uAleksandr Chagan nomfazi wakhe, uYekaterina

MATSHI 1, 2024
ERASHIYA

UMzalwana UAleksandr Chagan Ugwetywe Iminyaka Eyi-8 Etrongweni

UMzalwana UAleksandr Chagan Ugwetywe Iminyaka Eyi-8 Etrongweni

NgoFebruwari 29, 2024,iNkundla iTsentralniy yaseTolyatti kwiNgingqi yaseSamara igwebe uMzalwana uAleksandr Chagan iminyaka eyi-8 etrongweni. Uye wavalelwa xa ephuma enkundleni.

Ingxelo

Siza kuqhubeka sithandazela ukuba uYehova aqhubeke ‘ekhanyisa ubuso bakhe’ kuAleksandr nakubo bonke abo bazimisele ukulimela igama Lakhe.—INdumiso 119:135, 139.

Ixesha

  1. NgoMatshi 4, 2022

    Kugqogqwa ekhayeni lakhe

  2. NgoSeptemba 14, 2022

    Kuqaliswa ityala

  3. NgoSeptemba 21, 2022

    Kugqogqwa ekhayeni lakhe okwesibini

  4. NgoSeptemba 22, 2022

    Ubuzwa imibuzo aze agcinwe etrongweni ubusuku bonke

  5. NgoSeptemba 23, 2022

    Uyakhululwa etrongweni aze angavunyelwa ukuba aye kwezinye iindawo

  6. NgoAgasti 23, 2023

    Kuqaliswa ukuxoxwa kwetyala

  7. NgoFebruwari 29, 2024

    Wabanjwa wagwetywa iminyaka eyi-8 etrongweni

a UMzalwana uChagan uwathethe la mazwi ngaphambi kokuba asiwe etrongweni.