Yiya kwinkcazelo

Umzalwana uAleksandr Shcherbina emva kokuba ekhululwe etrongweni. Kwifoto encinci: Abazalwana noodade badibene ukuze bamkele uAleksandr

FEBRUWARI 28, 2023
ERASHIYA

UMzalwana UAleksandr Shcherbina Ukhululwe Etrongweni

UMzalwana UAleksandr Shcherbina Ukhululwe Etrongweni

Nge-22 kaFebruwari 2023, umzalwana uAleksandr Shcherbina uye wakhululwa etrongweni yaseRashiya ekwidolophu yaseRostov-on-Don. Wahlala iintsuku eziyi-79 evalelwe xa wayelinde ukuba kuxoxwe ityala lakhe, waza wasetrongweni nezinye iintsuku eziyi-609. Loo nto ithetha ukuba kuphantse kwaphela iminyaka emibini evalelwe.

Ngaphambi kokuba kuphele ityala lakhe, uAleksandr wachaza ukuba ukhuthazwe ngumzekelo kaModekayi oseBhayibhileni, wathi: “UModekayi wayengamoyiki uHaman, owayelutshaba lwakhe oluyingozi. Eyona nto yayibalulekile kuModekayi yayikukuhlala ethembekile kuYehova nokuba kwenzeka ntoni. Ukucingisisa ngomzekelo wakhe kwandinceda ndaba nesibindi.”

Siyawubulela umzekelo omhle kamzalwana uAleksandr. Ibe siyavuya kuba uza kuphinda abuyele kwintsapho kunye nabahlobo bakhe, nokuba uza kuqhubeka ‘enokholo olomeleleyo,’ esikelelwa nguYehova.​—1 Korinte 16:13.