NGO-FEBRUWARI 3, 2022
ERASHIYA
UMzalwana UAleksey Smelov Uncedwa NguYehova Ukuze Anyamezele
NgoAprili 21, 2022,iNkundla ekwiDolophu yaseKondopoga kwiRepublic yaseKarelia, iza kuwisa isigwebo kuMzalwana uAleksey Smelov. Umtshutshisi ucele ukuba abhatale i-500 000 rubles (imali ephantse ibeyi 6-410 ngokweedola zaseMerika).
Ixesha
Ngo-Julayi 23, 2019
Abasemagunyeni batyhola uAleksey, kuba besithi ukhokela intlangano eyenza umsebenzi oyingozi. Bade bathi uye walungiselela ukuba kubekho neentlanganiso kuze kusasazwe nobuxoki
Ngo-Julayi 31, 2019
Abasebenzi beFSB bagqogqa amakhaya ayi-15 neendawo zokusebenza zamaNgqina kaYehova eKondopoga nasePetrozavodsk. Aba bantu bazibiza ngokuba ngabasebenzi abalungisa imibhobho yamanzi, bangena kwikhaya lakwaSmelovs baza bagqogqa. Bemka noAleksey kunye nenkosikazi yakhe beyokubabuza imibuzo kwiofisi yeFSB yasekuhlaleni. Emva koko uAleksey wathathwa wasiwa kwikomkhulu leFSB ePetrozavodsk. Malunga no-11:30 ebusuku bamkhulula bamxelela ukuba angaphumi kwidolophu yakhe
Ngo-Agasti 7, 2019
Abasemagunyeni batyhola uAleksey ngokungawuthobeli umthetho okwiPart 1 of Article 282.2 yombutho waseRashiya
Ngo-Aprili 9, 2020
Uphando lwamiswa ngenxa yekhorona
Ngo-Juni 8, 2020
Uphando lwaqalisa kwakhona
Igama
NjengoAleksey, siqinisekile ukuba uYehova uza kuqhubeka “ebonisa amandla wakhe ngenxa” yabo bonke abatshutshiswayo.—2 Kronike 16:9.